Isaya
40 “Bathuthuzeleni, thuthuzelani abantu bam,” utsho uThixo wenu.+
2 “Thethani ngobubele neYerusalem,*
Yixeleleni ukuba kuphelisiwe ukusetyenziswa kwayo ngetshova,
Nokuba ityala layo lihlawulelwe.+
UYehova ugqibile ukuyohlwayela izono zayo zonke.”+
3 Nalo ilizwi livakala entlango lisithi:
“Vulelani uYehova indlela!+
Yenzelani* uThixo wethu uhola wendlela+ othe tye, onqumla entlango.+
4 Mazinyuswe zonke iintlambo,
Kuthotywe zonke iintaba neenduli.
Umhlaba onamatye mawugudiswe,
Nomhlaba ongamaxethuka ube lithafa elisentlanjeni.+
6 Mamela! Kukho umntu othi: “Khwaza!”
Omnye uyaphendula: “Ndikhwaze ndithini?”
“Bonke abantu banjengengca* eluhlaza.
Lonke uthando lwabo olungagungqiyo lunjengentyatyambo yengca.+
Ngokuqinisekileyo abantu bayingca nje eluhlaza.
8 Ingca eluhlaza iyoma,
Intyatyambo iyabuna,
Kodwa lona ilizwi likaThixo wethu lihlala lihleli, ngonaphakade.”+
Khwaza ngamandla,
Wena mfazi uphathela iYerusalem iindaba ezilungileyo.
Liphakamise ilizwi lakho, ungoyiki.
Yenza esi saziso kwizixeko zakwaYuda: “Nguye lo uThixo wenu.”+
Jongani! Iphethe umvuzo,
Nentlawulo eyihlawulayo iphambi kwayo.+
11 Iza kuwukhathalela* umhlambi wayo njengomalusi.+
Ngengalo yayo, iza kuwaqokelela amatakane,
Iza kuhamba nawo iwabeke esifubeni.
Iza kuzikhokela ngobubele iigusha ezinamatakane.+
12 Ngubani owakhe walinganisa amanzi eelwandle ngomphakathi wesandla sakhe,+
Khona, ingubani owakhe walinganisa amazulu ngokolula nje iminwe?*
Ingubani owakha waluqokelela waza walubeka ezikalini uthuli lomhlaba,+
Okanye owakha wakala ubunzima beentaba,
Nobunzima beenduli?
14 Khona, uthethe nabani ukuze aqonde,
Ingubani omfundisa indlela yobulungisa,
Onokumphokozela ulwazi,
Nonokumazisa indlela yokuqonda kokwenene?+
Jongani! Uphakamisa iziqithi ngokungathi luthuli nje olucolekileyo.
16 NeLebhanon le yembala ayinako ukugcina umlilo uvutha,
Nkqu nezilwanyana zayo zasendle azanelanga ukuba zingangumnikelo otshiswayo.
18 Ningamlinganisa nabani uThixo,+
Ningabeka ntoni ecaleni kwakhe enokufana naye?+
Ukhangela ingcibi enobuchule,
Ukuze imenzele umfanekiso oqingqiweyo owomeleleyo.+
21 Anazi na?
Anivanga na?
Anizange nixelelwe kwasekuqaleni na?
Anizange niqonde na kwasekudalweni komhlaba?+
Waneka amazulu njengelaphu elihle eliyasuyasu,
Ibe uwatwabulula njengentente yokuhlala.+
24 Bathi nje besatyalwa,
Bathi nje besahlwayelwa,
Nesikhondo sabo singekamili kwangcambu ezo,
Babe sele bevuthelwa ngumoya, bome nko.
Baphephethekiswa ngumoya oku komququ.+
25 “Ngubani eningandifanisa naye, ongantanga-nye nam?” utsho Lowo Ungcwele.
26 “Khanijonge ezulwini nize nibone.
Ngubani umdali wezi zinto?+
NguLowo ukhokela umkhosi weenkwenkwezi, owazi nkqu nenani lazo;
Uzibiza ngamagama xa zizonke.+
Ngenxa yobukhulu bamandla akhe, namandla akhe amangalisayo,+
Zonke ziphelele.
27 Wenziwa yintoni wena Yakobi, nditsho wena Sirayeli ukuba uthi,
‘UYehova akayiboni indlela yam,
Futhi andifumani kwabulungisa kuThixo’?+
28 Kanti awazi? Khona, awuvanga?
UYehova, uMdali wayo yonke into esemhlabeni, unguThixo ngonaphakade.+
Akaze adinwe; engaze atyhafe.+
Kaloku ukuqonda kwakhe akunakuze kwaziwe.+
30 Amakhwenkwana aza kudinwa aze atyhafe,
Nabafana baza kukhubeka baze bawe,
31 Kodwa abo bathembela kuYehova baza kuphinda bahlaziyeke.
Baza kundanda ngamaphiko oku kweenkozi.+
Baza kubaleka, bangatyhafi;
Baza kuhamba, bangadinwa.”+