Yeremiya
10 Liveni ilizwi uYehova alithethileyo ngani, ndlu kaSirayeli. 2 Uthi uYehova:
“Sanukufunda izinto ezenziwa ziintlanga,+
Ningoyikiswa yimimangaliso yasezulwini
Kuba isoyikwa ziintlanga.+
3 Kuba amasiko ezizwana awancedi nganto.
Umkhandi olichule ugawula umthi ehlathini,
Aze awenze isithixo ngesixhobo sakhe.+
5 Njengonomgogwana kwintsimi yetyhukhamba, ezi zithixo azikwazi kuthetha;+
Zimele zithwalwe, kuba azikwazi kuhamba.+
Sanukuzoyika, kuba azinakunenzakalisa,
Zingakwazi nokwenza okulungileyo.”+
6 Akukho mntu unjengawe, owu Yehova.+
Umkhulu, negama lakho likhulu yaye linamandla.
7 Ngubani na ofanele angakoyiki, owu Kumkani weentlanga,+ kuba kukufanele ukoyikwa;
Kuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga naphakathi kwazo zonke izizwe zazo,
Akukho namnye unjengawe.+
8 Azisebenzisi ngqondo yaye zizidenge.+
Umyalelo ovela emthini awuyonto.+
9 Kuziswa isilivere evela eTarshishe+ ekhandwe yangamacwecwe, negolide evela kwaUfazi,
Umsebenzi womkhandi olichule nowezandla zomnyibilikisi.
Isinxibo sazo singumsonto oluhlaza* noboya obumsobo.*
Zonke zenziwa ngamachule.
10 Kodwa uYehova nguThixo ngokwenene.
UnguThixo ophilayo+ noKumkani ngonaphakade.+
Ngenxa yokucaphuka kwakhe umhlaba uza kunyikima,+
Yaye akukho zintlanga ziza kukwazi ukunyamezela umsindo wakhe.
11 Nantsi into omele uyithethe kuzo:
“Oothixo abangawenzanga amazulu nomhlaba
Baza kutshabalala emhlabeni naphantsi kwala mazulu.”+
12 NguMenzi womhlaba ngamandla akhe,
Lowo wenza ilizwe elinemveliso ngobulumko bakhe+
Nowolula amazulu ngokuqonda kwakhe.+
13 Xa elenza livakale ilizwi lakhe,
Amanzi asezulwini ayayaluzela,+
Yaye ubangela ukuba amafu anyuke* evela kwezona ndawo zikude emhlabeni.+
Imvula uyenzela umbane,
Yaye ukhupha umoya koovimba bakhe.+
14 Wonke umntu uziphethe njengomntu ongacingiyo nongenalwazi.
Wonke umnyibilikisi uza kuhlaziswa ngenxa yemifanekiso eqingqiweyo;+
Kuba imifanekiso yakhe yesinyithi ibubuxoki,
Yaye akukho bomi kuyo.+
15 Ayincedi nganto,* ingumsebenzi oyintlekisa.+
Xa kufika imini yokuphenduliswa kwayo, iza kutshabalala.
16 Lowo usiSabelo sikaYakobi akafani nezi zinto,
Kuba nguye owadala yonke into,
Yaye uSirayeli ungumsimelelo welifa lakhe.+
Igama lakhe nguYehova wemikhosi.+
17 Qokelela umthwalo wakho emhlabeni,
Wena mfazi ohleli kwindawo erhangqiweyo.
18 Kuba uthi uYehova:
“Ngoku ndibaphosela ngaphandle abemi bomhlaba,+
Yaye ndiza kubenza babe sentlungwini.”
19 Ndisentlungwini ngenxa yokuwa kwam!*+
Inxeba lam alinakuphiliswa.
Yaye mna ndithe: “Ngokuqinisekileyo sisifo sam esi, ibe ndimele ndisithwale.
20 Intente yam idiliziwe, neentambo zentente yam ziqhawulwe zonke.+
Oonyana bam bandishiyile yaye abasekho.+
Akusekho mntu utwabulula intente yam, okanye umisa amalaphu ayo.
Yiyo le nto bengenzanga ngobulumko,
Yaye yonke imihlambi yabo ithe saa.”+
22 Mamela! Ingxelo! Iyeza!
Izingqi ezikhulu ezivela kwilizwe lasemntla,+
Ukuze kwenziwe izixeko zakwaYuda zingabi namntu, zibe yindawo yoodyakalashe.+
23 Ndazi kakuhle, owu Yehova, ukuba umntu akakwazi ukuyilawula indlela yakhe.
Umntu ohambayo akanalo kwaigunya lokwalathisa inyathelo lakhe.+