Daniyeli
5 UKumkani uBheleshatsare+ wenzela iwaka lamagosa akhe abekekileyo itheko elikhulu, yaye wayesela iwayini phambi kwawo.+ 2 Eqhutywa yiloo wayini, uBheleshatsare wakhupha umyalelo wokuba kulandwe izitya zegolide nezesilivere ezathinjwa nguNebhukadenetsare utata wakhe kwitempile yaseYerusalem,+ ukuze yena nezikhulu zakhe, nabafazi bakhe, nabanye abafazi bakhe bendlu yesibini* basele ngazo. 3 Ngoko ke bazizisa izitya zegolide ezazithinjwe kwitempile yendlu kaThixo eseYerusalem, waza ukumkani namagosa akhe abekekileyo nabafazi bakhe bendlu yesibini* basela ngazo. 4 Basela iwayini, baza badumisa oothixo begolide nesilivere, abekopolo, intsimbi, umthi namatye.
5 Kanye ngaloo mzuzu kwavela iminwe yesandla somntu, yabhala kudonga olwalungqamene nento yokubeka isibane kwindlu kakumkani, yaye ukumkani wawubona umva weso sandla njengoko sasibhala. 6 Wasuka waphatsha ukumkani,* woyikiswa ziingcinga zakhe. Sagexa isinqe sakhe,+ amadolo abethana.
7 Ukumkani wakhwaza wathi makuziswe amagqirha, amaKhaledi* nabavumisi ngeenkwenkwezi.+ Wathi kwizilumko zaseBhabhiloni: “Umntu oye wafunda lo mbhalo, wandichazela nokuba uthetha ukuthini, uza kunxityiswa iimpahla ezimsobo,* afakwe neneklesi yegolide,+ aze abe ngumlawuli wesithathu ebukumkanini.”+
8 Zangena zonke izilumko zikakumkani, kodwa zange zikwazi ukuwufunda loo mbhalo nokuchazela ukumkani ukuba uthetha ukuthini.+ 9 Woyika kakhulu uKumkani uBheleshatsare, waphatsha ubuso, namagosa akhe abekekileyo adideka.+
10 Ukumkanikazi wangena kwiholo yokutyela kuba weva izinto ezazithethwa ngukumkani namagosa akhe abekekileyo. Wathi: “Phila ngonaphakade kumkani. Mazingakoyikisi izinto ozicingayo, ungabuvumeli buphatshe ubuso bakho. 11 Owu Kumkani, kukho indoda ebukumkanini bakho enomoya woothixo abangcwele. Ngemihla katata wakho kwafunyanwa indoda ekhanyiselweyo, enengqiqo nobulumko obunjengobulumko boothixo.+ Utata wakho, uKumkani uNebhukadenetsare, wayenza umphathi wababingeleli abenza imilingo, amagqirha, amaKhaledi* nabavumisi ngeenkwenkwezi.+ 12 Lo Daniyeli, ukumkani awathi nguBheleteshatsare,+ wayenomoya ongaqhelekanga nolwazi nobulumko bokuchaza amaphupha, ukucacisa izafobe nokusombulula izinto ezinzima.*+ Makabizwe uDaniyeli, yaye uza kukuchazela ukuba ithetha ukuthini le nto.”
13 Ngoko wasiwa uDaniyeli phambi kokumkani. Ukumkani wathi kuye: “Nguwe lo Daniyeli wakubathinjwa bakwaYuda,+ lowo utata wam ukumkani wamthatha kwaYuda?+ 14 Ndivile ngawe ukuba unomoya woothixo,+ nokuba ukhanyiselwe yaye unengqiqo nobulumko obungaqhelekanga.+ 15 Kuziswe izilumko namagqirha, ukuze bonke bafunde lo mbhalo baze bandichazele ukuba uthetha ukuthini, kodwa abakwazanga.+ 16 Ndivile ukuba uyakwazi ukuchaza+ nokusombulula izinto ezinzima.* Ukuba ke uyakwazi ukufunda lo mbhalo uze undichazele ukuba uthetha ukuthini, uza kunxityiswa iimpahla ezimsobo,* ufakwe neneklesi yegolide, uze ube ngumlawuli wesithathu ebukumkanini.”+
17 UDaniyeli wathi kukumkani: “Ungazikhathazi ngokundinika izipho, ungasuke nje uzinike abanye. Kodwa ndiza kumfundela ukumkani lo umbhalo, ndize ndimchazele nokuba uthetha ukuthini. 18 Wena ke, kumkani, Oyena Thixo Uphakamileyo wanika uNebhukadenetsare utata wakho ubukumkani nobukhulu nozuko nobungangamsha.+ 19 Ngenxa yobukhulu awamnika bona, zazingcangcazela zimoyika zonke izizwana, iintlanga neelwimi.+ Wayembulala lowo athanda ukumbulala, amyeke aphile lowo afuna aphile, amphakamise lowo athanda ukumphakamisa, aze amthobe lowo athanda ukumthoba.+ 20 Kodwa xa yakhukhumalayo intliziyo yakhe, waba nenkani, de wanekratshi,+ waye wahliswa etroneni yobukumkani bakhe, woxuthwa nesidima. 21 Wagxothwa phakathi kwabantu, intliziyo yakhe yenziwa yanjengeyerhamncwa, waza wahlala needonki zasendle. Wayesitya ingca njengenkomo. Umzimba wakhe wawusiba manzi ngumbethe wamazulu, wade wazi ukuba Oyena Thixo Uphakamileyo unguMlawuli ebukumkanini babantu, futhi umisela nabani na athanda ukummisela.+
22 “Kodwa wena nyana wakhe Bheleshatsare, nangona ubuyazi le nto, khange uyithobe intliziyo yakho. 23 Uye waziphakamisa phambi kweNkosi yamazulu,+ wathi makulandwe izitya zendlu yayo.+ Emva koko, wena nezikhulu zakho, nabafazi bakho, nabafazi bakho bendlu yesibini,* niye nasela ngazo iwayini. Niye nadumisa oothixo begolide nesilivere, abekopolo, abentsimbi, abomthi nabamatye, thixo abo bangaboniyo, bangevayo nabangazi kwanto.+ Kodwa khange umzukise uThixo obusesandleni sakhe ubomi bakho+ nalowo zixhomekeke kuye zonke iindlela zakho. 24 Yiloo nto ethumele isandla ukuba sibhale lo mbhalo.+ 25 Lo mbhalo ubusithi: MENE, MENE, TEKEL, ukwathi PARSIN.
26 “Nantsi into ethethwa ngala magama: elithi MENE, lithetha ukuba uThixo uzibalile iintsuku zobukumkani* bakho waza wabuphelisa.+
27 “Elithi TEKEL, lithetha ukuba ubekwe esikalini wafunyaniswa ulula.
28 “Elithi PERES, lithetha ukuba ubukumkani bakho bahluliwe, banikwa amaMedi namaPersi.”+
29 Emva koko uBheleshatsare wayalela ukuba bamnxibise uDaniyeli iimpahla ezimsobo,* bamfake neneklesi yegolide. Benza isaziso sokuba uza kuba ngumlawuli wesithathu ebukumkanini.+
30 Kanye ngobo busuku, uBheleshatsare ukumkani wamaKhaledi wabulawa.+ 31 Baza ke ubukumkani* bathathwa nguDariyo+ umMedi, eneminyaka emalunga neyi-62.