Yeremiya
11 Nali ilizwi likaYehova elafika kuYeremiya: 2 “Bonke abantu mabaweve amazwi esi sivumelwano!
“Wathethe* ebantwini bakwaYuda nakubemi baseYerusalem, 3 uthi kubo, ‘Uthi uYehova uThixo kaSirayeli: “Uqalekisiwe umntu ongawathobeliyo amazwi esi sivumelwano,+ 4 endawayalela ookhokho benu ngemini endabakhupha ngayo kwilizwe laseYiputa,+ kwiziko lokunyibilikisa intsimbi,+ ndisithi, ‘Thobelani ilizwi lam, nize nizenze zonke izinto endiniyalela zona; yaye niza kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wenu,+ 5 ukuze ndiyenze into endayifungela ookhokho benu, yokubanika ilizwe eligcwele ubisi nobusi,+ njengokuba kusenjalo nanamhlanje.’”’”
Ndaphendula ndathi: “Amen* Yehova.”
6 UYehova wathi kum: “Wathethe onke la mazwi ezixekweni zakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem, ‘Waveni amazwi esi sivumelwano, niwathobele. 7 Kuba ndabalumkisa ngokungqongqo ookhokho benu ngemini endabakhupha ngayo kwilizwe laseYiputa, ndisithi: “Thobelani ilizwi lam.” Ndaqhubeka ndibalumkisa* njengokuba ndisenza nanamhlanje.+ 8 Kodwa abazange bamamele okanye bavule iindlebe, ngamnye waba nenkani elandela intliziyo yakhe embi.+ Ngoko ndawenza onke amazwi esi sivumelwano abangazange basithobele.’”
9 Waza uYehova wathi kum: “Kukho iyelenqe phakathi kwabantu bakwaYuda naphakathi kwabemi baseYerusalem. 10 Babuyele kwizono zookhokho babo, abalayo ukuthobela amazwi am.+ Nabo baye balandela abanye oothixo baza babakhonza.+ Indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ziye zasaphula isivumelwano endasenza nookhokho bazo.+ 11 Ngoko ke uthi uYehova, ‘Ndibazisela intlekele+ abangazukukwazi ukuyibaleka. Xa bendikhwaza becela uncedo, andizukubamamela.+ 12 Emva koko izixeko zakwaYuda nabemi baseYerusalem baza kukhalela uncedo koothixo ababenzela imibingelelo,*+ kodwa ngokuqinisekileyo abo thixo abazukubasindisa xa besehlelwa yintlekele. 13 Kuba oothixo bakho baninzi njengezixeko zakho Yuda, kwaye nenze izibingelelo ezininzi njengezitrato zaseYerusalem, nizenzela into elizothe, izibingelelo zokubingelela kuBhahali.’+
14 “Wena ke,* ungabathandazeli aba bantu. Ungabakhaleli okanye ubathandazele,+ kuba ndiza kube ndingamamelanga xa bendibiza ngenxa yentlekele ebehleleyo.
15 Bafuna ntoni abantu bam endibathandayo endlini yam,
Xa abaninzi kangaka besenza izinto ezimbi?
Ngaba baza kuyiphepha ngenyama engcwele yemibingelelo* intlekele xa inifikela?
Uza kuvuya na ngelo xesha?
16 UYehova wayekade esithi ningumthi womnquma ochumileyo,
Umthi omhle oneziqhamo ezihle.
Ngomgqumo omkhulu, uwulumeke ngomlilo,
Yaye bawaphule amasebe awo.
17 “UYehova wemikhosi, umTyali wakho,+ uthe kuza intlekele kuwe, ngenxa yobubi obenziwe yindlu kaSirayeli nendlu kaYuda, zindicaphukisa ngokubingelela kuBhahali.”+
18 UYehova undichazele ukuze ndazi.
Ngelo xesha undibonise izinto ababezenza.
19 Yaye ndandinjengetakane legusha elilulamileyo eliza kuxhelwa,
Ndandingayazi ukuba bandiphekela iqhinga besithi:+
“Masitshabalalise lo mthi neziqhamo zawo,
Masimcime igama kwilizwe labaphilayo,
Ukuze igama lakhe lingabi sakhunjulwa.”
Mandikubone xa uziphindezela kubo,
Kuba ndiye ndamangala kuwe.
21 Ngoko uthi uYehova ngabantu baseAnatoti+ abafuna ukukubulala, besithi: “Sukuprofeta egameni likaYehova+ okanye uza kufela ezandleni zethu.” 22 Uthi uYehova wemikhosi: “Ndiza kubaphendulisa. Abafana baza kufa likrele+ yaye oonyana babo neentombi zabo baza kufa yindlala.+ 23 Akuzukushiyeka nokuba abe mnye kubo, kuba ndiza kuzisa intlekele kubantu bakwa-Anatoti+ ngonyaka wokubaphendulisa kwam.”