Eya kumalathisi. Eyoonyana bakaKora.+ Ingoma emnandi.
85 Uyalithanda Yehova, ilizwe lakho;+
Ubabuyisile abantu bakaYakobi ababethinjiwe.+
2 Usixolele isiphoso sabantu bakho;
Usixolele sonke isono sabo.+ (Selah)
3 Uwubambile umsindo wakho,
Wakuthomalalisa ukuvutha komsindo wakho.+
4 Phinda usamkele, owu yhini Thixo wosindiso lwethu,
Uze uyeke ukusiqumbela.+
5 Ngaba uza kuhlala unomsindo ngonaphakade?+
Ngaba uza kuhlala uqumbile ukusa kwizizukulwana ngezizukulwana?
6 Ngaba awuzukuphinda usihlaziye
Ukuze abantu bakho bavuyiswe nguwe?+
7 Owu Yehova, sithande ngokungagungqiyo,+
Uze usisindise.
8 Ndiza kuyimamela into ethethwa nguYehova uThixo wokwenene,
Kuba uza kuthetha amazwi oxolo kubantu bakhe,+ kwabo bathembekileyo,
Kodwa mabangaphindi bazithembe ngokugqithiseleyo.+
9 Ngokuqinisekileyo usindiso lwakhe lukufutshane kwabo bamoyikayo,+
Ukuze uzuko lwakhe luhlale elizweni lethu.
10 Uthando olungagungqiyo nokuthembeka ziza kuhlangabezana;
Ubulungisa noxolo ziza kuncamisana.+
11 Ukuthembeka kuza kuntshula emhlabeni,
Bona ubulungisa bujonge phantsi busemazulwini.+
12 UYehova uza kusinika izinto ezintle zodwa,+
Nelizwe lethu livelise ukutya okuninzi.+
13 Ngaphambi kwakhe kuza kuhamba ubulungisa,+
Bumvulele indlela amakahambe kuyo.