Yobhi
15 UElifazi+ umTeman waphendula wathi:
2 “Umntu olumkileyo angayithetha na into engekhoyo,
Okanye agcwalise isisu sakhe ngomoya wasempuma?
3 Ukukhalinyelwa nje ngomlomo akuncedi nganto,
Nokuthetha nje kuphela kulilize.
4 Kuba wena wenza abantu bangamoyiki uThixo,
Ubenza bangamkhathaleli.
5 Kuba uthethiswa sisono sakho,
Kunjalo nje ucikoza ngobuqhinga.
7 Nguwe na umntu owaqala wazalwa,
Okanye wazalwa ngaphambi kokuba kwenziwe iinduli?
8 Uyamva na uThixo xa ethetha emfihlekweni,
Okanye nguwe wedwa onobulumko?
11 Akwanelanga na kuwe ukuthuthuzelwa nguThixo,
Okanye ngala mazwi sikubongoza ngawo?
13 Kuba ujikela uThixo ngokwakhe,
Ude uthethe amazwi anje.
17 Mamela ke ndikuxelele,
Ndikubalisele izinto endizibonileyo,
18 Izinto ezithethwe ngamadoda azizilumko, ezive kootata bawo,+
Aza azixela ekuhleni.
19 Umhlaba wanikwa bona bodwa,
Ibe akukho mntu wasemzini wadlula phakathi kwabo.
20 Umenzi-bubi uyabungcungcuthekisa bonke ubomi bakhe;
Injalo yonke iminyaka yokuphila komntu ongqwabalala.
23 Uyazula ekhangela ukutya* esithi: “Ndingakufumana phi?”
Wazi kakuhle ukuba imini yobumnyama ifikile.
24 Woyikiswa yintlungu nayinkxwaleko;
Zimcinezela oku kokumkani elungele ukuhlasela.
25 Kuba uphakamisa isandla sakhe enxwala uThixo,
Futhi udelela* uSomandla;
26 Umhlasela enenkani uThixo,
Uphethe ikhaka lakhe elomeleleyo;
27 Ubuso bakhe bugqunywe ngamanqatha,
Nesinqe sakhe sivuthelene kukutyeba;
28 Izixeko ahlala kuzo ziza kutshatyalaliswa,
Nezindlu zakhe ziza kukhal’ ibhungane,
Ibe ziza kuba yimfumba yamatye.
29 Soze abe sisityebi, zingasoze zande nezinto zakhe,
Okanye zigcwale elizweni.
30 Uza kuhlala esebumnyameni;
Isetyana lakhe lomiswe ngumlilo,*
Ibe uThixo uza kumvuthela anyamalale.+
31 Makangalahleki athembe ilize,
Kuba eyona nto aza kuyifumana lilize;
32 Le nto iza kwenzeka ngaphambi kokuba lufike usuku lwakhe,
Ibe amasebe akhe soze achume.+
33 Uza kufana nemithi yeediliya evuthulula iidiliya zisekrwada,
Nanjengomthi womnquma ovuthuluke iintyatyambo.
35 Bakhawula inkathazo baze bazale ububi,
Isibeleko sabo sizala amaqhinga.”