Yobhi
22 UElifazi+ umTeman waphendula wathi:
2 “Ikhona na into umntu anokumnceda ngayo uThixo?
Sikhona na isilumko esinokumcebisa?+
3 Uyikhathalele ngantoni* uSomandla into yokuba ulilungisa,
Okanye ikhona into ayifumanayo ngokuba msulwa kwakho?+
4 Angakohlwaya na,
Aze akugwebe ngenxa yokuba umhlonipha?
6 Kaloku wena wohlutha isibambiso somntakwenu ungenasizathu,
Ukhululisa nabantu iimpahla zabo, ubashiye beze.+
10 Yiloo nto ujikelezwe yimigibe,*+
Uqutyulwa nazizinto ezoyikekayo;
11 Yiloo nto kumnyama kangaka, ungaboni,
Wogqunywe nasisikhukula.
12 Akakho phezulu emazulwini na kanti uThixo?
Khawujonge indlela ezikude ngayo iinkwenkwezi.
13 Kodwa wena uthe: ‘Yintoni ayaziyo uThixo?
Angakwazi na ukugweba ngapha kobu bumnyama?
14 Usithwa ngamafu,
Xa ehambahamba kweyona ndawo iphezulu ezulwini.’
15 Ngaba wena uza kuhamba ngendlela yakudala
Eyahanjwa ngabenzi-bubi,
17 Ayesithi kuThixo wokwenene: ‘Khawusiyeke thina!’
Aze athi, ‘Angasenza ntoni uSomandla?’
18 Kodwa nguye ogcwalise izindlu zawo ngezinto ezintle.
(Mna andinakuyicinga nokuyicinga into embi ngolo hlobo.)
19 Amalungisa aza kuyibona le nto aze avuye,
Baze abamsulwa bawagezele loo madoda bathi:
20 ‘Iintshaba zethu zitshatyalalisiwe,
Ibe ziza kudliwa ngumlilo.’
21 Zimisele ukwazi uThixo ukuze ufumane uxolo;
Emva koko uza kufumana izinto ezintle.
23 Ukuba ubuyela kuSomandla, uza kuphinda uphumelele.+
Ukuba nje ungakhupha izinto ezimbi ententeni yakho,
24 Ukuba ungaphosa igolide yakho eluthulini,
Igolide yaseOfire+ ematyeni entlambo,
25 Uza kutsho abe yigolide yakho uSomandla,
Abe yeyona silivere yodidi.
26 Kuba uza kutsho umthande,
Ibe uza kubuphakamisela kuThixo ubuso bakho.
27 Uza kuva xa umcenga;
Nawe utsho uzenze izinto ozifungileyo.
28 Nantoni na oceba ukuyenza iza kuphumelela,
Kubekho ukukhanya nasendleleni yakho.
29 Kuba uza kuhlazeka ukuba uthetha ngekratshi,
Kodwa yena uza kubasindisa abathobekileyo.
30 Uza kubahlangula abamsulwa;
Ngoko ke, ukuba izandla zakho zicocekile, uza kuhlangulwa ngokuqinisekileyo.”