IiNdumiso
Kumalathisi. EkaDavide. Ingoma emnandi. Ingoma.
2 Baqhube oku komoya uphephethekisa umsi;
Abenzi-bubi mabatshabalale phambi koThixo,
Banyibilike oku kwamafutha phambi komlilo.+
4 Culelani uThixo, nilidumise ngengoma* igama lakhe.+
Mculeleni Lowo uphalisa ecanda entlango.*
Igama lakhe nguYa!*+ Vuyani phambi kwakhe!
Kodwa bona abaneenkani* bamele bahlale kwilizwe elomileyo.+
12 Ookumkani nemikhosi yabo bayabaleka,+ bayabaleka!
Umntu oshiyeka endlini uxhamla kwixhoba.+
13 Nangona nina madoda nanilala phakathi kweemfumba zothuthu enkampini,*
Kuza kubakho amaphiko ehobe alekwe ngesilivere
Aneencam zegolide yodidi.*
Nina zincochoyi zeentaba?+
Kakade, uYehova uza kuhlala apho ngonaphakade.+
17 Iinqwelo zikaThixo zokulwa zingamashumi amawaka, amawaka ngamawaka.+
UYehova uze endaweni engcwele evela eSinayi.+
Uhambe nabathinjwa;
Uthathe izipho ezingabantu,+
Uthathe kwanabo baneenkani,+ ukuze uhlale phakathi kwabo, wena Ya, Thixo.
21 Ngokuqinisekileyo uThixo uza kuziqhekeza iintloko zeentshaba zakhe,
22 UYehova uthe: “Ndiza kubabuyisa eBhashan;+
Ndiza kubabuyisa ezinzulwini zolwandle,
23 Ukuze unyawo lwakho ludade egazini,+
Nolwimi lwezinja zakho lukhothe igazi leentshaba zakho.”
24 Bayayibona imingcelele yakho Thixo,
Imingcelele yoThixo wam, uKumkani wam, isiya endaweni engcwele.+
25 Iimvumi zihamba phambili, zilandelwa ngabadlali bomrhubhe;+
Phakathi kwabo ziintombi ezibetha amagubu.+
27 Nalo iphelo uBhenjamin+ lisoyisa abantu,
Neenkosana zakwaYuda negquba labantu bazo abangxolayo,
Iinkosana zakwaZebhulon, neenkosana zakwaNafetali.
28 UThixo wakho uthe uza kuba namandla.
Bonakalisa amandla akho Thixo, wena usilwelayo.+
30 Wakhalimele amarhamncwa asezingcongolweni,
Iindibano zeenkunzi zeenkomo+ namathole azo,
De izizwe ziqubude, zizise amaqhosha* esilivere.
Kodwa uyazisasaza izizwana ezingoophuma-silwe.
31 Izinto ezenziwe ngekopolo ziza kuziswa zivela* eYiputa;+
UKushe uza kukhawulezisa ukunika uThixo izipho.
33 Mculeleni lowo ukhwele izulu lamandulo, izulu lamazulu.+
Jongani! Utsho ngendudumo yelizwi lakhe, ilizwi elinamandla.
34 Vumani ukuba uThixo unamandla.+
Ubukhulu bakhe buphezu koSirayeli,
Namandla akhe asesibhakabhakeni.*
35 UThixo uyamangalisa kwingcwele yakhe* ezukileyo.+
UnguThixo kaSirayeli,
Unika abantu amandla nokomelela.+
Makadunyiswe uThixo.