Isaya
“Sukoyika kuba ndikuhlawulele.+
Ndiye ndakubiza ngegama.
Wena ungowam.
Xa uhamba emlilweni, awuzukutsha,
Nedagantye alizukukurhawula.
3 Kuba ndinguYehova uThixo wakho,
Lowo Ungcwele kaSirayeli, uMsindisi wakho.
Ndinikele ngeYiputa ukuze kuhlawulelwe wena,
ITiyopiya neSebha esikhundleni sakho.
Ngoko ke, ndiza kunikela abantu esikhundleni sakho,
Neentlanga ukuze ndisindise ubomi bakho.
6 Ndiza kuthi kumntla, ‘Babuyise!’+
Nakumzantsi ndithi, ‘Bakhulule.
Buyisa oonyana bam abakude, neentombi zam ezikwezona ndawo zikude emhlabeni,+
7 Wonke umntu obizwa ngegama lam+
Nendimdalele uzuko lwam,
Endimbumbileyo, nowenziwe ndim.’+
Ukho na kuzo onokusichazela ezi zinto?
Ngaba ukhona yena onokusichazela izinto eziza kuqala zenzeke?+
Mabeze ngaphambili namangqina abo,
Ukuze bazithethelele, Okanye abevayo mabathi, ‘Zithetha inyani!’”+
10 “Ningamangqina am,”+ utsho uYehova,
“Ningumkhonzi wam endimkhethileyo,+
Ukuze nindazi futhi nindithembe,
Kuba ndisengulowaa.+
Ngaphambi kwam akuzange kwenziwe Thixo,
Kwaye akubangakho namnye nasemva kwam.+
11 Mna, mna kanye, ndinguYehova,+ ibe akukho kwamsindisi ngaphandle kwam.”+
12 “Kaloku ndim owathethayo, wasindisa waza wenza kwaziwa,
Engekabikho uthixo weentlanga phakathi kwenu.+
Ngoko ke nina aba, ningamangqina am,” utsho uYehova, “ibe mna ndinguThixo.+
Ngaba ukhona onokundinqanda xa ndisenza into?”+
14 Uthi uYehova, uMhlawuleli wenu,+ Lowo Ungcwele kaSirayeli:+
“Kukho endiza kumthumela eBhabhiloni ayokuwisa iingcango zayo zentsimbi,+
Ibe amaKhaledi aza kutsho esimantshiyane kwezo nqanawa zawo.+
15 NdinguYehova, uThixo wenu Ongcwele,+ uMdali kaSirayeli,+ uKumkani wenu.”+
16 Uthi uYehova,
Lowo wenza indlela enqumla ulwandle
Nendlela enqumla kumanzi anomsinga,+
17 Lowo ufunza inqwelo yokulwa nehashe,+
Umkhosi ukunye namagorha:
“Baza kuthi waca, bangavuki.
Baza kucinywa kuthi nya.+ Njengokucinywa komsonto.”
18 “Sanukuzikhumbula izinto ezadlulayo,
Sanukuzihlupha ngezinto zezolo.
Aniyiboni?
20 Irhamncwa lasendle liza kundizukisa,
Oodyakalashe neenciniba baza kundizukisa,
Kuba ndiza kukhupha amanzi entlango,
Imilambo kumhlaba owomileyo,+
Ukuze ndiseze abantu bam, abanyuliweyo bam,+
21 Abantu endizibumbele bona,
Ukuze bandidumise.+
23 Awundiziselanga iigusha zomnikelo wakho otshiswayo,
Ungandizukisanga nangemibingelelo yakho.
Andikunyanzelanga ukuba undiphathele sipho,
Ndingakhange ndikutheze amandla ngokukufuna intlaka yokuqhumisa.+
24 Awundithengelanga ngcongolo inevumba elimnandi ngemali yakho;
Awundanelisanga nangamanqatha emibingelelo yakho.+
Ukusuka apho, undithwalise umthwalo wezono zakho
Unditheza amandla ngeziphoso zakho.+
26 Ndikhumbuze; masimangalelane kaloku;
Chaza icala lakho ukuze kucace ukuba awunatyala.
28 Ngoko ndiza kuzingcolisa iinkosana zendawo engcwele,
Ibe ndiza kumyeka atshatyalaliswe uYakobi,
Yena uSirayeli athukwe.+