Yeremiya
33 Lafika okwesibini ilizwi likaYehova kuYeremiya, ngoxa wayesavalelwe kwiYadi Yoonogada,+ lisithi: 2 “Uthi uYehova uMenzi womhlaba, uYehova owawubumbayo waza wawenza awagungqa; igama lakhe nguYehova, 3 ‘Ndibize, yaye ndiza kukuphendula, ibe ndizimisele ukukuxelela izinto ezinkulu nezingaqondekiyo obungazazi.’”+
4 “Kuba uthi uYehova uThixo kaSirayeli ngezindlu zesi sixeko nangezindlu zookumkani bakwaYuda ezidilizwe ngenxa yethambeka lokuhlasela nangenxa yekrele,+ 5 nangabo beze kulwa namaKhaledi, begcwalisa le ndawo ngezidumbu zabantu endibaxabele ndicaphuka kwaye ndinomsindo, abo bandenze ndabufihla ubuso bam ngenxa yezinto ezimbi abazenzileyo: 6 ‘Ndiza kusenza sichache size siphile esi sizwe,+ yaye ndiza kubaphilisa ndize ndibanike uxolo oluninzi nenyaniso.+ 7 Ndiza kubabuyisa abathinjwa bakwaYuda nabathinjwa bakwaSirayeli,+ ibe ndiza kubakha njengokuba ndenzayo ekuqaleni.+ 8 Ndiza kubasulungekisa kuzo zonke izono abandenze zona,+ ndibaxolele zonke izono namatyala abandone ngawo.+ 9 Kum siza kuba ligama lokuvuya, indumiso nobuhle kwiintlanga zonke zomhlaba eziza kuva ngazo zonke izinto ezintle endisenzela zona.+ Ziza koyika, zingcangcazele+ ngenxa yazo zonke izinto ezintle noxolo endiza kusizisela lona.’”+
10 “Uthi uYehova: ‘Kule ndawo eniza kuthi nina yindawo engenamntu nengenamhlambi, kwizixeko zakwaYuda nakwizitrato zaseYerusalem ezithe nkcwe, kuseza kuvakala 11 isandi sokuvuya nesandi sokonwaba,+ ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi, nelizwi labo bathi: “Bulelani kuYehova wemikhosi, kuba uYehova ulungile;+ uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade!”’+
“‘Baza kuzisa umnikelo wokubulela endlini kaYehova,+ kuba ndiza kubabuyisa abathinjwa belizwe njengasekuqaleni,’ utsho uYehova.”
12 “Uthi uYehova wemikhosi: ‘Kule ndawo ingenamntu namhlambi, nakuzo zonke izixeko zayo; abalusi baza kuphinda babe namadlelo okwalusela imfuyo.’+
13 “‘Kwizixeko zommandla weentaba, kwizixeko ezisemathafeni, kwizixeko zasemzantsi, kummandla wakwaBhenjamin, kwimimandla ekufutshane neYerusalem+ nakwizixeko zakwaYuda,+ imihlambi iza kudlula kwakhona phantsi kwezandla zalowo uyibalayo,’ utsho uYehova.”
14 “‘Jonga! Kuza imihla,’ utsho uYehova, ‘endiza kuyenza ngayo into elungileyo endiye ndayithembisa ngendlu kaSirayeli nangendlu kaYuda.+ 15 Ngaloo mihla nangelo xesha ndiza kuvelisela uDavide ihlumelo lobulungisa,*+ yaye liza kwenza okusesikweni* nobulungisa kweli lizwe.+ 16 Ngaloo mihla uYuda uza kusindiswa+ ibe neYerusalem iza kuhlala ikhuselekile.+ Kwaye kuza kuthiwa xa ibizwa: UYehova Ububulungisa Bethu.’”+
17 “Kuba uthi uYehova: ‘Kuza kuhlala kukho indoda ephuma kumnombo kaDavide ehleli etroneni yendlu kaSirayeli,+ 18 yaye kuza kuhlala kukho umLevi oma phambi kwam ukuze anikele umnikelo otshiswa ngokupheleleyo, atshise umnikelo wokutya, enze nemibingelelo.’”
19 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kuYeremiya lisithi: 20 “Uthi uYehova, ‘Ukuba ubunokukwazi ukwaphula isivumelwano sam semini nesivumelwano sam sobusuku, ukuze imini nobusuku zingafiki ngexesha lazo,+ 21 besingatsho saphulwe nesivumelwano sam nomkhonzi wam uDavide,+ ukuze kungabikho kumkani ungunyana wakhe etroneni yakhe,+ yaye bekuza kuba njalo nangesivumelwano sam nabaLevi abangababingeleli, abakhonzi bam.+ 22 Njengokuba umkhosi wamazulu ungenakubalwa, nesanti yolwandle ingenakulinganiswa, ndiza kuyiphinda-phinda inzala* kaDavide umkhonzi wam nabaLevi abandikhonzayo.’”
23 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kuYeremiya lisithi: 24 “Awubavanga na aba bantu besithi, ‘UYehova uza kuzilahla ezi ntsapho zimbini azikhethileyo’? Ibe iintshaba azibaphathi ngesidima abantu bam, yaye ziyekile ukubajonga njengohlanga.
25 “Uthi uYehova: ‘Njengokuba siqinisekile isivumelwano sam semini nesobusuku,+ kunye nemithetho yezulu nomhlaba,+ 26 andisoze ndiyilahle nenzala* kaYakobi nekaDavide umkhonzi wam, ngokuthi ndingathathi kwinzala* yakhe abalawuli benzala* ka-Abraham, kaIsake nekaYakobi. Kuba ndiza kubabuyisela abathinjwa+ babo ndize ndibasizele.’”+