Eyokuqala Eya KwabaseKorinte
12 Bazalwana, ndifuna nizazi kakuhle iziphiwo ezivela kuThixo.+ 2 Niyazi ukuba xa naningabantu beentlanga,* nanilahlekiswa ukuze nikhonze izithixo ezingathethiyo,+ nizilandela nokuba ziya phi na. 3 Ndifuna nazi ukuba akukho mntu unokuthi: “UYesu uqalekisiwe!” ethunywe ngumoya kaThixo, yaye akukho mntu unokuthi: “UYesu yiNkosi!” engathunywanga ngumoya oyingcwele.+
4 Kukho iziphiwo ezahlukahlukeneyo, kodwa umoya mnye;+ 5 sinikwe imisebenzi eyahlukahlukeneyo+ nguThixo, kodwa inye iNkosi; 6 yaye kukho izinto ezahlukahlukeneyo ezenziwayo, kodwa nguThixo omnye owenza bonke abantu bazenze.+ 7 Kodwa indlela umoya osebenza ngayo ibonakala kumntu ngamnye owunikwayo, ukuze kuncedakale abanye.+ 8 Omnye uncedwa ngumoya oyingcwele ukuba athethe ngobulumko, aze omnye ancedwe kwanguloo moya ukuba athethe enolwazi, 9 omnye uncedwa ngulo moya ukuba abe nokholo,+ omnye umnceda ukuba akwazi ukuphilisa,+ 10 omnye umnceda akwazi ukwenza imimangaliso,+ omnye aprofete, omnye aqonde amazwi aphefumlelweyo,+ omnye akwazi ukuthetha iilwimi ezahlukahlukeneyo,+ aze omnye akwazi ukutolika iilwimi.+ 11 Kodwa zonke ezi zinto zenziwa ngumoya omnye. Unika mntu ngamnye eso siphiwo ufuna ukumnika sona.
12 Kanye njengokuba umzimba omnye unamalungu amaninzi, yaye loo malungu engumzimba omnye nangona emaninzi,+ noKristu unjalo. 13 Kuba sonke sabhaptizelwa emzimbeni omnye ngomoya omnye, nokuba singamaYuda okanye singamaGrike, nokuba singamakhoboka okanye asingawo, yaye sonke sasezwa umoya omnye.
14 Kuba umzimba awunalungu linye, kodwa unamalungu amaninzi.+ 15 Ukuba unyawo luthi: “Kuba ndingesosandla, andiyonxalenye yomzimba,” loo nto ayithethi kuthi aluyonxalenye yomzimba. 16 Yaye ukuba indlebe ithi: “Kuba ndingelolihlo, andiyonxalenye yomzimba,” loo nto ayithethi kuthi ayiyonxalenye yomzimba. 17 Ukuba wonke umzimba ubulilihlo, ubuza kuva ngantoni? Ukuba ubuyindlebe, ubuza kunukisa ngantoni? 18 Kodwa uThixo uwabeke onke amalungu omzimba ngendlela athanda ngayo.
19 Ukuba onke ebefana, ubuza kuba phi umzimba? 20 Kodwa ngoku kukho amalungu amaninzi, kanti mnye umzimba. 21 Ilihlo alinakuthi kwisandla: “Andikudingi,” nentloko ayinakuthi kwiinyawo: “Andinidingi.” 22 Kunoko amalungu omzimba abonakala ebuthathaka ayafuneka, 23 namalungu omzimba esicinga ukuba adelekile siwaphatha ngesidima,+ ngoko amalungu omzimba angabukekiyo atsho ahlonipheke, 24 kanti wona amalungu ethu abukekayo awadingi nto. Kodwa ke uThixo uwudale wanjalo umzimba, wawanika isidima esingakumbi amalungu angenaso, 25 ukuze amalungu omzimba angacalulani kodwa akhathalelane.+ 26 Ukuba elinye ilungu lisentlungwini, onke amanye amalungu avelana nalo;+ okanye ukuba elinye ilungu liyadunyiswa, onke amanye amalungu avuyisana nalo.+
27 Nina ke ningumzimba kaKristu,+ yaye ngamnye kuni ulilungu lawo.+ 28 UThixo unike abantu ezi ziphiwo zingafaniyo ebandleni: Okokuqala abanye ngabapostile,+ kubekho abaprofeti,+ kulandele abafundisi,+ ibe yimimangaliso,+ ibe ngamandla okuphilisa,+ ukunceda abantu, ukukhokela+ nokuthetha iilwimi ezahlukahlukeneyo.+ 29 Abangobapostile bonke, andithi? Abangobaprofeti bonke, andithi? Abangobafundisi bonke, andithi? Abenzi mimangaliso bonke, andithi? 30 Abanamandla okuphilisa bonke, andithi? Abathethi ngeelwimi bonke, andithi?+ Abatoliki bonke, andithi?+ 31 Kodwa hlalani nizama ukufumana ezona ziphiwo zibalulekileyo.+ Mna ke ndiza kunibonisa eyona nto ibaluleke ngaphezu kwazo zonke.+