Genesis
35 Emva koko uThixo wathi kuYakobi: “Phakama uye eBheteli,+ uhlale khona. Uze umenzele isibingelelo apho uThixo wokwenene owabonakala kuwe xa wawubaleka uEsawu umntakwenu.”+
2 UYakobi wathi kwindlu yakhe nakubo bonke abantu ababekunye naye: “Basuseni oothixo basemzini abaphakathi kwenu,+ nizicoce, nitshintshe neempahla zenu, 3 size sihambeni siye eBheteli. Apho ndiza kumenzela isibingelelo uThixo wokwenene owandiphendulayo xa ndandisebunzimeni, waba nam naphi na apho ndandisiya khona.”*+ 4 Ngoko bamnika uYakobi bonke oothixo basemzini ababekubo namacici awayesezindlebeni zabo, waza uYakobi wazingcwaba* ezo zinto phantsi komthi omkhulu owawukufuphi nakwaShekem.
5 Xa babehamba, izixeko ezazibajikelezile zamoyika kakhulu uThixo, ngoko azizange zibaleqe oonyana bakaYakobi. 6 Ekugqibeleni uYakobi kunye nabo bonke abantu ababehamba naye bafika eLuzi,+ oko kukuthi eBheteli, ilizwe lakwaKanan. 7 Wakha khona isibingelelo waza wathi loo ndawo yiEl-bheteli,* kuba kulapho uThixo wokwenene wazityhila kuye xa wayebaleka umntakwabo.+ 8 Ekuhambeni kwexesha uDebhora+ impelesi kaRebheka wafa waza wangcwatywa emazantsi eBheteli, phantsi komthi wom-oki. Ngoko wathi loo ndawo yiAlon-bhakuti.*
9 UThixo waphinda wabonakala kuYakobi ngoxa wayebuya ePadan-aram ibe wamsikelela. 10 Wathi uThixo kuye: “Igama lakho nguYakobi.+ Awusazukubizwa ngokuba unguYakobi, kodwa uza kuba nguSirayeli.” Waqalisa ukumbiza ngokuba nguSirayeli.+ 11 UThixo waphinda wathi kuye: “NdinguThixo uSomandla.+ Qhama wande. Kuwe kuza kuvela iintlanga namabandla eentlanga,+ kuphume nookumkani kuwe.*+ 12 Ilizwe endalinika uAbraham noIsake, ndiza kulinika wena, ndilinike nenzala* yakho eza kulandela emva kwakho.”+ 13 Emva koko wenyuka uThixo wemka kuye kuloo ndawo wayethethe naye kuyo.
14 Ngoko uYakobi wamisa intsika yelitye kuloo ndawo wayethethe naye kuyo, wagalela umnikelo oselwayo neoli phezu kwayo.+ 15 UYakobi waphinda wayibiza ngokuba yiBheteli+ loo ndawo uThixo wayethethe naye kuyo.
16 Emva koko bemka eBheteli. Bathi besekude e-Efrata, uRakeli wabeleka, kwaye wabeleka nzima. 17 Kodwa njengoko wayebeleka nzima, umzalisikazi wathi kuye: “Ungoyiki, kuba uza kumfumana nalo unyana.”+ 18 Xa ubomi bakhe babunikezela (kuba wayesifa) wathiya unyana wakhe igama elinguBhen-oni,* kodwa utata wakhe wathi nguBhenjamin.*+ 19 Waba uyafa ke ngaloo ndlela uRakeli waza wangcwatywa endleleni eya e-Efrata, oko kukuthi eBhetelehem.+ 20 UYakobi wamisa intsika phezu kwengcwaba lakhe. Nanamhlanje loo ntsika iseyeyengcwaba likaRakeli.
21 Emva koko uSirayeli wemka, wamisa intente yakhe mgama ngaphaya kwenqaba yase-Edere. 22 Ngenye imini, ngoxa uSirayeli wayehlala kwelo lizwe, uRubhen walala noBhiliha, owayengomnye umfazi katata* wakhe, waza uSirayeli wayiva loo nto.+
UYakobi wayenoonyana abayi-12. 23 Oonyana bakaLeya yayilizibulo likaYakobi uRubhen,+ kulandele uSimeyon, uLevi, uYuda, uIsakare noZebhulon. 24 Oonyana bakaRakeli yayinguYosefu noBhenjamin. 25 Oonyana bakaBhiliha isicakakazi sikaRakeli yayinguDan noNafetali. 26 Oonyana bakaZilipa isicakakazi sikaLeya yayinguGadi noAshere. Bonke aba ngoonyana bakaYakobi awabazalelwa ePadan-aram.
27 Wada wafika uYakobi kuIsake utata wakhe eMamre,+ eKiriyati-arbha, oko kukuthi eHebron, apho uAbraham noIsake babehlala khona njengabantu basemzini.+ 28 UIsake waphila iminyaka eyi-180.+ 29 Waphefumla okokugqibela, wafa, wahlanganiselwa kubantu bakowabo,* emva kokuphila ubomi obude nobanelisayo. Oonyana bakhe uEsawu noYakobi bamngcwaba.+