21 Intliziyo kakumkani injengomsinga wamanzi esandleni sikaYehova.+
Uyisa apho athanda ukuyisa khona.+
2 Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kuye,+
Kodwa uYehova uhlolisisa iintliziyo.+
3 Ukwenza izinto ezilungileyo nobulungisa
Kumvuyisa kakhulu uYehova kunombingelelo.+
4 Amehlo anekratshi nentliziyo ezigwagwisayo,
Zisisibane esikhokela abenzi-bubi, ibe zisisono.+
5 Amacebo omntu okhutheleyo aza kumenza aphumelele ngokuqinisekileyo,+
Kodwa bonke abenza ngokungxama, nakanjani na baza kuphelela endlaleni.+
6 Ukufumana ubutyebi ngolwimi oluxokayo
Kufana nomphunga osuka uthi shwaka, umgibe obulalayo.+
7 Ubundlobongela babenzi-bubi buza kubatshayela,+
Kuba abafuni kwenza bulungisa.
8 Indlela yomntu onetyala igqwethekile,
Kodwa izenzo zomntu omsulwa zilungile.+
9 Kungcono ukuhlala ekoneni yophahla
Kunokuhlala endlini enye nomfazi onochuku.+
10 Umenzi-bubi urhalela izinto ezimbi;+
Uyamkhohlakalela ummelwane wakhe.+
11 Xa umntu othetha ukusa esohlwaywa, ongenamava uba nobulumko,
Ibe xa isilumko siye saphanda, sifumana ulwazi.+
12 UThixo olilungisa uyazibukela izinto ezenzeka endlini yomenzi-bubi;
Uyabatshabalalisa abenzi-bubi.+
13 Nabani na ozivalayo iindlebe zakhe xa kukhala umntu osweleyo
Naye uza kuthi ekhala, angaphendulwa.+
14 Isipho esenziwa emfihlekweni sehlisa umsindo,+
Nesinyobo emfihlekweni sehlisa umsindo okrakra.
15 Kuyalivuyisa ilungisa ukwenza ubulungisa,+
Kodwa kuyinto embi kubenzi-bubi.
16 Umntu oyishiyayo indlela yengqiqo
Uza kuphelela phakathi kwabo bafileyo, bengenamandla.+
17 Othanda ubumnandi uza kubhuqwa yindlala;+
Othanda iwayini neoli akazukuba sisityebi.
18 Ilungisa lihlawulelwa ngomenzi-bubi,
Ibe kuza kuthathwa umntu onamaqhinga endaweni yelungisa.+
19 Kungcono ukuhlala entlango
Kunokuhlala nomfazi othanda ingxabano nochuku.+
20 Kukho ubutyebi obuxabisekileyo neoli endlini yesilumko,+
Kodwa umntu osisidenge ubhuqa kwanto anayo.+
21 Umntu oleqa ubulungisa nothando olungagungqiyo
Uza kufumana ubomi, ubulungisa nozuko.+
22 Isilumko singasoyisa isixeko samadoda anamandla,
Siwajongele phantsi amandla athembele ngawo.+
23 Owugadayo umlomo nolwimi lwakhe
Uzikhusela engxakini.+
24 Umntu ongugqada-mbekweni, nokhukhumele likratshi
Uyindoda esisityhuthu-tyhuthu nezigqatsayo.+
25 Ivila linqwenela izinto ezilikhokelela ekufeni,
Kuba izandla zalo azifuni kusebenza.+
26 Lithi lihleli nje libe libawa imini le yonke,
Kodwa ilungisa liyapha, alivimbi.+
27 Umbingelelo womenzi-bubi uyenyanyeka.+
Kobekisela phi ke xa ewunikela eneenjongo ezimbi!
28 Ingqina elixokayo liza kutshabalala,+
Kodwa umntu omamelayo uza kuphumelela xa enikela ubungqina.
29 Umntu ongalunganga uzenza onesibindi,+
Kodwa olungileyo uneendlela ezinokuthenjwa.+
30 Akukho bulumko, kungekho kuqonda nacebo lilungayo xa lichasene noYehova.+
31 Ihashe liqeqeshelwa imini yedabi,+
Kodwa nguYehova osindisayo.+