KwabaseRoma
6 Sithini ke? Siqhubeke na nesono, ukuze bande ububele bukaThixo?* 2 Hayi kaloku! Ekubeni singasalawulwa sisono,*+ singaqhubeka njani siphila ngaso?+ 3 Okanye anazi na ukuba sonke thina sabhaptizelwa kuKristu Yesu+ sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?+ 4 Ngoko ke xa sasibhaptizelwa ekufeni kwakhe,+ sangcwatywa kunye naye, ukuze, kanye njengokuba uKristu wavuswa ekufeni ngamandla azukileyo kaTata wakhe, nathi siphile ubomi obutsha.+ 5 Kuba ukuba siye safa njengaye,+ ngokuqinisekileyo siza kuvuswa njengaye.+ Ezo ke ziindlela esimanyene ngazo naye. 6 Kaloku siyazi ukuba ubuntu bethu obudala babethelelwa kunye naye esibondeni,+ ukuze umzimba wethu onesono wenziwe ungabi namandla,+ siyeke ukuba ngamakhoboka esono.+ 7 Kuba umntu oye wafa ukhululwe* esonweni sakhe.
8 Ngaphezu koko, ukuba siye safa noKristu, sikholelwa ukuba siza kuphila naye. 9 Kuba siyazi ukuba uKristu, ekubeni ngoku eye wavuswa ekufeni,+ akazukuphinda afe;+ ukufa akuseyonkosi kuye. 10 Kuba wafa kwaba kanye+ ukuze kususwe isono, kodwa ubomi abuphilayo, ubuphilela uThixo. 11 Ngokufanayo nani, zijongeni njengabantu abaye bafa esonweni kodwa baphilela ukwenza ukuthanda kukaThixo ngoKristu Yesu.+
12 Ngoko ke sanukusivumela isono siqhubeke silawula njengokumkani+ kwimizimba yenu efayo nize nithobele iminqweno yayo. 13 Ningaqhubeki ninikela nangemizimba yenu* esonweni ibe zizixhobo zezinto ezingalunganga, kodwa zinikeleni kuThixo njengabantu abaphilayo bevuke ekufeni, nemizimba yenu* niyinikele kuThixo ibe zizixhobo zobulungisa.+ 14 Kuba isono asimele sibe yinkosi phezu kwenu, ekubeni ningekho phantsi komthetho+ kodwa niphantsi kobubele bukaThixo.*+
15 Ithetha ukuthini ke le nto? Ngaba siza kwenza isono kuba singekho phantsi komthetho kodwa siphantsi kobubele bukaThixo?*+ Hayi! 16 Anazi na ukuba xa nizinikela kuye nabani na ukuze nimthobele njengamakhoboka, ningamakhoboka aloo mntu nimthobelayo?+ Ngoko ukuba ningamakhoboka esono,+ siza kunikhokelela ekufeni,+ kodwa ukuba ningamakhoboka kaThixo yaye niyamthobela, niza kuba ngamalungisa. 17 Kodwa siyambulela uThixo kuba, nangona nanikade ningamakhoboka esono, niye nayithobela ngokusuka entliziyweni imfundiso eniyifumeneyo. 18 Niye nakhululwa ke esonweni,+ naza naba ngamakhoboka obulungisa.+ 19 Ndisebenzisa amazwi aqhelekileyo ebantwini kuba nibuthathaka ngenxa yesono; kuba benikade ninikela ngamalungu enu ukuba abe ngamakhoboka ezinto ezingacocekanga nokungabi namthetho okunibangela naphule umthetho. Ngoku ke wanikeleni ukuba abe ngamakhoboka obulungisa ukuze nibe ngcwele.+ 20 Kuba xa naningamakhoboka esono, naningengawo awobulungisa.
21 Sasiyintoni ke isiqhamo enanisifumana ngelo xesha? Zizinto ngoku enineentloni ngazo. Kuba ezo zinto zikhokelela ekufeni.+ 22 Kodwa ke, ekubeni ngoku nikhululwe esonweni naza naba ngamakhoboka kaThixo, nifumana isiqhamo esibubomi obucocekileyo,+ ibe loo nto ikhokelela kubomi obungunaphakade.+ 23 Kuba umvuzo ohlawulwa sisono kukufa,+ kodwa isipho esivela kuThixo bubomi obungunaphakade+ ngoKristu Yesu iNkosi yethu.+