IiNdumiso
Ethetha ngoSolomon.
3 Kwanga iintaba zingabaphathela uxolo abantu,
Neenduli zibaphathele ubulungisa.
4 Makawalwele* amahlwempu aphakathi kwabantu,
Makasindise oonyana babo bangathathi ntweni,
Abatshabalalise abantu abanamaqhinga.+
7 Xa elawula, amalungisa aza kutyatyamba,+
Isekhona nje inyanga, kuza kuhlala kukho uxolo kuyo yonke indawo.+
8 Uza kulawula abantu ukususela elwandle ukuyokutsho elwandle.
10 Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi baza kuzisa umrhumo kuye.+
Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha baza kuzisa izipho.+
11 Bonke ookumkani baza kuqubuda kuye,
Neentlanga ziza kuba zizicaka zakhe.
12 Kuba uza kuwasindisa amahlwempu nabo bakhalela uncedo,
Abangathathi ntweni nabangenamncedi.
13 Uza kubasizela abangathathi ntweni nabangamahlwempu,
Uza kusindisa ubomi bamahlwempu.
14 Uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela,
Negazi labo liza kuxabiseka emehlweni akhe.
15 Makaphile ixesha elide, aze anikwe negolide yakwaShebha.+
Makahlale ethandazelwa,
Makasikelelwe imini yonke.
Iziqhamo zakhe ziza kuqhama ngathi zezaseLebhanon,+
Nabantu ezixekweni baza kutyatyamba njengotyani.+
Kwanga abantu bangasikelelwa ngenxa yakhe;+
Kwanga zonke iintlanga zingambona ukuba wonwabile.
18 Kwanga angadunyiswa uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli,+
Ekuphela kwakhe owenza izinto ezimangalisayo.+
19 Kwanga igama lakhe elizukileyo lingadunyiswa ngonaphakade,+
Nozuko lwakhe lugcwalise umhlaba wonke.+
Amen, Amen.