Levitikus
7 “‘Nanku ke umthetho womnikelo wetyala:+ Uyeyona nto ingcwele. 2 Umnikelo wetyala baza kuwuxhelela kwindawo abayixhelela kuyo iminikelo etshiswayo, ibe igazi lawo+ limele lifefwe macala onke esibingelelo.+ 3 Uza kuzisa onke amanqatha awo,+ kunye nomsila otyebileyo, umhlehlo ogqume amathumbu, 4 izintso zombini nenqatha lazo elingasesinqeni. Uza kuwususa nomhlehlo wesibindi kunye nezintso.+ 5 Umbingeleli uza kuqhumisa ngazo zonke ezo zinto esibingelelweni zibe ngumnikelo oya kuYehova otshiswa ngomlilo.+ Lowo ke ngumnikelo wetyala. 6 Wonke umntu oyindoda phakathi kwababingeleli uza kuwutya,+ ibe umele utyelwe endaweni engcwele. Uyeyona nto ingcwele.+ 7 Umthetho womnikelo wesono uyafana nowomnikelo wetyala. Lo mnikelo ngowombingeleli ohlawula ngawo.+
8 “‘Xa umbingeleli esizisa umnikelo otshiswayo wakhe nawuphi na umntu, isikhumba+ saloo mnikelo utshiswayo siza kuba sesaloo mbingeleli.
9 “‘Wonke umnikelo wokutya obhakwe eontini nowenzelwe embizeni okanye epanini,+ ngowaloo mbingeleli uwuzisileyo. Uza kuba ngowakhe.+ 10 Kodwa wonke umnikelo wokutya owomileyo+ okanye ogalelwe ioli+ uza kuba ngowoonyana bonke baka-Aron. Bonke baza kufumana ngokulinganayo.
11 “‘Nanku ke umthetho wombingelelo wobuhlobo+ onokuziswa ngumntu kuYehova: 12 Ukuba uzisa umbingelelo wombulelo,+ uza kuzisa namaqebengwana arawundi angenagwele agalelwe ioli, izonka ezisicaba ezingenagwele eziqatywe amafutha, namaqebengwana arawundi enziwe ngomgubo ocoliweyo oxovwe kakuhle waza wagalelwa ioli. 13 Uza kuzisa umnikelo wakhe kunye namaqebengwana arawundi esonka esinegwele nombingelelo wombulelo ongowemibingelelo yakhe yobuhlobo. 14 Umele athathe inxalenye enye kumnikelo ngamnye ibe ngumnikelo ongcwele oya kuYehova. Uza kuba ngowombingeleli ofefa igazi lemibingelelo yobuhlobo.+ 15 Inyama yombingelelo wombulelo ongowemibingelelo yobuhlobo iza kutyiwa ngaloo mini ayinikela ngayo. Umele angashiyi nto kuyo kude kuse.+
16 “‘Ukuba ke umbingelelo womnikelo wakhe ngowesifungo+ okanye ngumnikelo wokuzithandela,+ umele utyiwe ngomhla awuzisa ngawo umbingelelo wakhe, ibe okushiyekileyo kuwo kunokutyiwa ngosuku olulandelayo. 17 Kodwa nantoni na eshiyekileyo kwinyama yombingelelo ngomhla wesithathu mayitshiswe ngomlilo.+ 18 Kodwa ukuba kuye kwatyiwa nentwana le yenyama yombingelelo wakhe wobuhlobo ngomhla wesithathu, lowo uwuzisayo akazukwamkeleka. Awuzukubalelwa kuye, uyinto engcolileyo, yaye umntu otyayo kuwo uza kuphendula ngesono sakhe.+ 19 Inyama eye yadibana nayo nantoni na engacocekanga mayingatyiwa. Imele itshiswe ngomlilo. Wonke umntu ococekileyo angayitya inyama ecocekileyo.
20 “‘Nabani na ongacocekanga otya inyama yombingelelo wobuhlobo kaYehova, umele abulawe.+ 21 Ukuba umntu uchukumisa nantoni na engacocekanga, nokuba kukungacoceki komntu+ okanye isilwanyana esingacocekanga+ okanye nayiphi na into engacocekanga neyenyanyekayo,+ aze atye inyama yombingelelo wobuhlobo kaYehova, umele abulawe.’”
22 Waqhubeka uYehova wathi kuMoses: 23 “Yithi kumaSirayeli, ‘Ningatyi nawaphi na amanqatha+ enkunzi yenkomo, etakane legusha eliyinkunzi okanye awebhokhwe. 24 Amanqatha esilwanyana esifunyenwe sifile namanqatha esilwanyana esibulewe sesinye ningawasebenzisa nakweyiphi na enye into, kodwa ningaze niwatye.+ 25 Kuba nabani na otya amanqatha esilwanyana asizise saba ngumnikelo kuYehova otshiswa ngomlilo, umele abulawe.
26 “‘Ningatyi naliphi na igazi+ nakweyiphi na indawo enihlala kuyo, nokuba leleentaka okanye lelezilwanyana. 27 Nabani na otya naliphi na igazi+ umele abulawe.’”
28 Waphinda wathi uYehova kuMoses: 29 “Yithi kumaSirayeli, ‘Nabani na ozisa umbingelelo wakhe wobuhlobo kuYehova uza kuzisa inxalenye yombingelelo wakhe ube ngumnikelo oya kuYehova.+ 30 Uza kuzisa ngezandla zakhe amanqatha+ kunye nesifuba zibe ngumnikelo kuYehova otshiswa ngomlilo, yaye uza kuwutshangatshangisa ube ngumnikelo otshangatshangiswayo+ phambi koYehova. 31 Umbingeleli umele aqhumise ngaloo manqatha esibingelelweni,+ kodwa isifuba sona siza kuba sesika-Aron noonyana bakhe.+
32 “‘Umlenze wasekunene wemibingelelo yenu yobuhlobo niza kuwunika umbingeleli, ube ngumnikelo wakhe ongcwele.+ 33 Unyana ka-Aron ozisa igazi lemibingelelo yobuhlobo nenqatha uza kunikwa umlenze wasekunene.+ 34 Kaloku ndisithathile isifuba somnikelo otshangatshangiswayo nomlenze womnikelo ongcwele kwimibingelelo yobuhlobo yamaSirayeli, ndazinika uAron umbingeleli noonyana bakhe, yaye lo uza kuba ngumthetho oza kuhlala uhleli kumaSirayeli.+
35 “‘Le yinxalenye eyabekelwa ababingeleli, uAron noonyana bakhe, kwiminikelo kaYehova etshiswa ngomlilo, ngomhla awabazisa ngawo ukuba babe ngababingeleli bakaYehova.+ 36 Ngomhla awabathambisa ngawo, uYehova wayalela ukuba amaSirayeli abanike le nxalenye.+ Ngumthetho oza kuhlala uhleli kwizizukulwana zabo.’”
37 Nguwo lowo umthetho womnikelo otshiswayo,+ owomnikelo wokutya,+ owomnikelo wesono,+ owomnikelo wetyala,+ owombingelelo wokumiselwa+ nowombingelelo wobuhlobo,+ 38 kanye njengokuba uYehova wamyalelayo uMoses eNtabeni YaseSinayi+ mhla wayalela amaSirayeli ukuba azise iminikelo yawo kuYehova entlango yaseSinayi.+