Eyesibini YooKumkani
2 Xa uYehova wayeza kunyusela uEliya+ emazulwini* ngesaqhwithi somoya,+ uEliya noElisha+ babesendleleni evela eGiligali.+ 2 UEliya wathi kuElisha: “Khawuhlale apha, ndiyakucela, kuba uYehova undithume eBheteli.” Kodwa uElisha wathi: “Njengoko uYehova ephila nawe uphila, andizukwahlukana nawe.” Behla baya eBheteli.+ 3 Oonyana babaprofeti* ababeseBheteli beza kuElisha bathi kuye: “Uyayazi na into yokuba namhlanje uYehova uza kuyithatha inkosi yakho ingabi saba yintloko yakho?”+ Yena wathi: “Ndiyayazi loo nto. Yithini cwaka.”
4 UEliya wathi kuye: “Elisha, ndiyakucela, khawuhlale apha, kuba uYehova undithume eYeriko.”+ Kodwa wathi: “Njengoko uYehova ephila nawe uphila, andizukwahlukana nawe.” Ngoko beza eYeriko. 5 Oonyana babaprofeti ababeseYeriko baya kuElisha bathi kuye: “Uyayazi na into yokuba namhlanje uYehova uza kuyithatha inkosi yakho ingabi saba yintloko yakho?” Yena wathi: “Ndiyayazi loo nto. Yithini cwaka.”
6 UEliya wathi kuye: “Ndiyakucela, khawuhlale apha, kuba uYehova undithume eYordan.” Yena wathi: “Njengoko uYehova ephila nawe uphila, andizukwahlukana nawe.” Ngoko bahamba bobabini. 7 Oonyana babaprofeti abayi-50 nabo bahamba baza bema kudana bejongile ngoxa bona bobabini babemi ngaseYordan. 8 UEliya wathatha isambatho sakhe sabaprofeti+ wasisonga, wabetha amanzi ngaso, ahlukana aya ngasekhohlo nasekunene, baza bobabini bawela kumhlaba owomileyo.+
9 Bathi nje bakuwela, uEliya wathi kuElisha: “Cela nantoni na ofuna ndikwenzele yona ngaphambi kokuba ndithathwe kuwe.” Ngoko uElisha wathi: “Ndicela ukunikwa iinxalenye ezimbini+ zomoya wakho.”+ 10 Yena wathi: “Ucele into enzima. Ukuba undibonile xa ndithathwa kuwe, iza kwenzeka loo nto; kodwa ukuba awundibonanga, ayizukwenzeka.”
11 Bathe besahamba bethetha kunye, kwee gqi inqwelo yokulwa yomlilo namahashe omlilo+ zabahlukanisa, waza uEliya wenyukela emazulwini* ngesaqhwithi somoya.+ 12 Ngoxa uElisha wayebukele wayekhala esithi: “Tata, tata! Inqwelo yokulwa kaSirayeli nabakhweli-mahashe bakhe!”+ Wathi uEliya akusithela, uElisha wabamba iimpahla zakhe wazikrazula zaba ziziqwenga ezibini.+ 13 Emva koko wachola isambatho sabaprofeti+ esasiwe kuEliya, wabuyela emva waya kuma ecaleni kweYordan. 14 Wasithatha eso sambatho sabaprofeti sasiwe kuEliya, wabetha ngaso amanzi wathi: “Uphi na uYehova, uThixo kaEliya?” Uthe akuwabetha amanzi, ahlukana aya ngasekunene nasekhohlo, waza wawela uElisha.+
15 Oonyana babaprofeti ababeseYeriko bambona bekudana, bathi: “Umoya kaEliya uhleli kuElisha.”+ Ngoko bamhlangabeza baza baqubuda phambi kwakhe. 16 Bathi kuye: “Jonga, thina zicaka zakho sinamadoda ayi-50 angamakroti. Siyakucela, wavumele ahambe aye kukhangela inkosi yakho. Kusenokwenzeka ukuba umoya kaYehova uyiphakamisile waza wayiphosa kwenye yeentaba okanye kwenye yeentlambo.”+ Kodwa wathi: “Ningawathumeli.” 17 Bamcenga de waneentloni, wathi: “Wathumeleni.” Bawathumela ke loo madoda ayi-50, amkhangela iintsuku ezintathu, kodwa awazange amfumane. 18 Ekubuyeni kwawo, wayeseYeriko.+ Wathi kuwo: “Bendingatshongo na ukuba sanukuya?”
19 Ekuhambeni kwexesha amadoda esixeko athi kuElisha: “Nkosi yam, uyasibona nawe esi sixeko ukuba sikwindawo entle;+ kodwa amanzi mabi, nelizwe alinamveliso.”* 20 Wathi: “Ndiphatheleni isitya esincinci esitsha, nifake ityiwa kuso.” Amphathela. 21 Waya emthonjeni wamanzi, waphosa ityiwa kuwo,+ wathi: “Uthi uYehova, ‘Ndiwaphilisile la manzi. Awazukuphinda abangele ukufa okanye ukungazali.’”* 22 Yaye loo manzi asenempilo nanamhlanje, njengokuba wayetshilo uElisha.
23 Wenyuka ke apho waya eBheteli. Wathi xa enyuka ngendlela, kwaphuma amakhwenkwe amancinci esixekweni, aqhubeka emgezela+ esithi: “Nyuka, mpandlandini! Nyuka, mpandlandini!” 24 Ekugqibeleni wajika wawajonga, waza wawaqalekisa egameni likaYehova. Emva koko kwaphuma iimazi ezimbini zamabhere+ ehlathini zaza zaqwenga abantwana abayi-42 kubo.+ 25 Wasuka apho waya kwiNtaba YeKarmele,+ emva koko wabuyela eSamariya.