Eyesibini KwabaseKorinte
10 Mna Pawulos, ndiyanicenga ngokuthobeka nobubele obufana nobukaKristu,+ nakuba ndithobekile xa ndikunye nani,+ kodwa ndinesibindi xa ndingekho kunye nani.+ 2 Ndiyathemba ukuba ndakufika, akuzukufuneka ndibe nesibindi ndize ndikhalimele abanye benu, abasijonga ngokungathi senza izinto njengabantu behlabathi. 3 Nakuba siphila ubomi njengabantu, kodwa asilwi mfazwe ngendlela abantu behlabathi abacinga ngayo. 4 Kuba izixhobo zethu zemfazwe aziveli kweli hlabathi,+ kodwa zinamandla avela kuThixo+ okutshabalalisa izinto ezendeleyo. 5 Kuba sidiliza izinto ezicingwa ngabantu, nayo yonke into enqanda abantu bangamazi uThixo.+ Sithimba nayiphi na ingcinga size siyenze ithobele uKristu, 6 ibe sikulungele ukumohlwaya nabani na ongathobeliyo,+ emva kokuba nina nibonise ukuba nithobela ngokupheleleyo.
7 Izinto nizigweba ngendlela ezibonakala ziyiyo. Ukuba kukho umntu oqinisekileyo ukuba ngokaKristu, makacinge ngale nto: Kanye njengokuba engokaKristu, nathi singabakhe. 8 Nokuba ndingaqhayisa kakhulu ngegunya esalinikwa yiNkosi lokuba sinakhe, singanichithi,+ bendingazukuba neentloni. 9 Kodwa andifuni kube ngathi ndizama ukunoyikisa ngeeleta zam. 10 Kuba abanye bathi: “Iileta zakhe ziyoyikisa kwaye zinamandla, kodwa xa elapha, uba yekeyeke, athethe izinto ezingacacanga.” 11 Abo bantu batshoyo mabazi ukuba izinto esizithethayo kwiileta zethu xa singekho, siza kuzenza xa sikhona.+ 12 Kuba asinasibindi sokuzifanisa okanye sokuzithelekisa nabantu abaziphakamisayo.+ Kodwa xa bona bezigweba ngendlela ababona ngayo, bezithelekisa bodwa, babonisa ukuba abasebenzisi ngqondo.+
13 Kodwa ke asizukuqhayisa ngezinto ezingenziwanga sithi, siza kuqhayisa ngezinto uThixo asithume zona saza sazenza, esinibalayo kuzo nani.+ 14 Nyhani ke, asenzi nto singayithunywanga xa sifikelela nakuni, kuba saba ngabokuqala ukushumayela iindaba ezilungileyo ezingoKristu apho.+ 15 Asiqhayisi ngomsebenzi owenziwe ngomnye umntu obungathunywanga thina, kodwa sinethemba lokuba njengokuba ukholo lwenu luya lusomelela, nomsebenzi esiwunikiweyo uza kuya usanda. Ngoko siza kutsho senze umsebenzi ongakumbi, 16 ukuze sishumayele iindaba ezilungileyo nakwamanye amazwe, ukuze singaqhayisi ngomsebenzi osele wenziwe kumhlaba womnye umntu. 17 “Kodwa lowo uqhayisayo, makaqhayise ngoYehova.”*+ 18 Kuba uYehova* akakhethi umntu ozincoma ngokwakhe,+ kodwa ukhetha umntu onconywa nguye.+