Hoseya
12 “UEfrayim utya umoya.
Uleqa umoya wasempuma imini yonke.
Wandisa ukuxoka nobundlobongela.
Wenza isivumelwano neAsiriya,+ ibe usa ioli eYiputa.+
2 UYehova umbeka ityala uYuda;+
Uza kumphendulisa uYakobi ngeendlela zakhe,
Ibe uza kumbhatalisa ngokwezenzo zakhe.+
4 Waqhubeka ejijisana nengelosi waza woyisa.
Walila waza wacela inceba.”+
UThixo wamfumana eBheteli, ibe wathetha nathi apho.+
6 “Ngoko buyela kuThixo wakho,+
Hlala unothando olungagungqiyo nobulungisa,+
Yaye hlala uthembele kuThixo wakho.
Ibe kuko konke ukubulaleka kwam, akukho nto imbi okanye sono baza kusifumana.’
9 Kodwa ndinguYehova uThixo wakho ukususela kwilizwe laseYiputa.+
Ndiza kuphinda ndikwenze uhlale ezintenteni
Njengakwimihla yexesha elimisiweyo.*
11 Abantu baseGiliyadi bayaqhatha*+ ibe bayaxoka.
EGiligali babingelele ngeenkunzi zeenkomo.+
Nemibingelelo yabo injengemfumba yamatye kwimisinga yasendle.+