Numeri
30 Emva koko uMoses wathetha neenkosi+ zezizwe zakwaSirayeli, esithi: “Uthi uYehova: 2 Ukuba umntu wenza isifungo+ kuYehova okanye uyafunga+ ukuba akazi kuyenza into ethile, umele asigcine isifungo sakhe.+ Ufanele enze kanye ngokwesifungo sakhe.+
3 “Ukuba intombi ithembisa uYehova okanye ifunga ukuba ayizukuyenza into ethile, ngoxa isencinci yaye isahlala endlini katata wayo, 4 aze utata wayo asive isifungo sayo okanye isifungo sayo sokuba ayizukuyenza into ethile ibe akanangxaki naso, zonke izifungo zaloo ntombazana ziza kuma. Ibophelelekile kuyo yonke into ebifunge ukuba ayizukuyenza. 5 Kodwa ukuba utata wayo akavumi, akuva ukuba loo ntombi yenze izifungo okanye ifunge ukuba ayizukuzenza izinto ezithile, azizukuma ezo zifungo. UYehova uza kuyixolela kuba utata wayo akayivumelanga.+
6 “Kodwa ke, ukuba iyatshata ibe isephantsi kwesifungo okanye isithembiso esenziwe ngokungxama sokuba ayizukuyenza into ethile, 7 ize indoda yayo ive ngaso kwaye ingaphikisani naso ngemini eve ngayo, izifungo okanye izifungo ezenzileyo zokuba ayizukuzenza izinto ezithile, ziza kuma. 8 Kodwa ukuba ngaloo mini indoda yayo iyaphikisana nesifungo okanye isithembiso esenze ngokungxama, ingasiphelisa+ yaye uYehova uza kuyixolela.
9 “Ukuba umhlolokazi okanye umfazi oqhawule umtshato wenza isifungo, ubophelelekile kuso.
10 “Kodwa ke ukuba umfazi usenze eso sifungo okanye eso sifungo sokuba akazukuyenza into ethile esahlala endlini yendoda yakhe, 11 yasiva indoda yakhe yaza ayaphikisana naso okanye yasamkela, zonke izifungo okanye izifungo zokuba akazukuzenza izinto ezithile ziza kuma. 12 Kodwa ukuba ngaloo mini indoda yakhe iyeva ngezo zifungo okanye ezo zifungo zokuba akazukuzenza izinto ezithile ize iziphelise, azizukuma.+ Indoda yakhe iza kube iziphelisile yaye uYehova uza kumxolela loo mfazi. 13 Nasiphi na isifungo okanye isifungo sokuba akazukuyenza into ethile, indoda yakhe ingasivumela sime okanye ingasiphelisa. 14 Kodwa ukuba kugqitha iintsuku indoda yakhe ingaphikisani nazo, iza kuba ke iyazimisela zonke izifungo okanye zonke izifungo zaloo mfazi zokuba akazukuzenza izinto ezithile. 15 Kodwa ke ukuba iyaziphelisa sekudlule iintsuku ivile ngazo, iza kulithwala ityala laloo mfazi.+
16 “Leyo ke yimithetho uYehova awayiyalela uMoses, engendoda nomfazi wayo, nangotata nentombi yakhe encinci esahlala endlini yakhe.”