Yobhi
19 UYobhi waphendula wathi:
4 Ukuba nyhani ndenze impazamo,
Ayinifuni nganto loo nto.
5 Ukuba niqhubeka nindiphakamela,
Nisithi indifanele le nto indehleleyo,
6 Ze nazi ke ukuba ndilahlekiswe nguThixo,
Wandibambisa ngomnatha wakhe wokuzingela.
7 Ndiba ngakhwaza ndisithi, ‘Ubundlobongela!’ kodwa ndingahoywa;+
Ndiba ngakhalela uncedo, kodwa ndingathethelelwa.+
8 Indlela yam uyivale ngodonga lwamatye, andikwazi kudlula;
Uzenze zamnyama iindlela endihamba kuzo.+
9 Undohluthe uzuko lwam,
Wasusa nesithsaba sentloko yam.
10 Undiqoba macala onke, uyandigqiba;
Ulincothula oku komthi ithemba lam.
12 Imikhosi yakhe indirhangqile,
Ijikeleze intente yam.
16 Ndiba ngasikhwaza isicaka sam, suke singaphenduli.
Ndiyasicenga ukuba sibe nosizi.
18 Ndidelelwa nangabantwana;
Xa ndiphakama, bayandinxwala.
23 Akwaba amazwi am ebebhalwe phantsi!
Akwaba ebebhalwe encwadini!
24 Akwaba ebebhalwe elityeni ngonaphakade,
Ngosiba lwentsimbi nelothe!
26 Nokuba ndingabhitya ndibe ngamathambo,
Ndiza kumbona uThixo ndiseyinyama,
27 Ndiza kumbona ngokwam,
Ngawam amehlo, kungekhona awomnye umntu.+
Kodwa ke ndisebuhlungu ngaphakathi.*
28 Kuba nithi, ‘Utsho njani ukuba siyamtshutshisa?’+
Ngokungathi ndim onengxaki.