Ezra
2 Aba ngabantu bephondo* ababebuye ekuthinjweni+ nguKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni,+ bebuyela kwizixeko zabo, eYerusalem nakwaYuda,+ 2 abo beza noZerubhabheli,+ uYeshuwa,+ uNehemiya, uSeraya, uRehelaya, uMordekayi, uBhileshan, uMispare, uBhigevayi, uRehum noBhahana.
Nanga amanye amadoda akwaSirayeli awabuyayo:+ 3 oonyana bakaParoshe babeyi-2 172; 4 oonyana bakaShefatiya babeyi-372; 5 oonyana baka-Arahi+ babeyi-775; 6 oonyana bakaPahati-mowabhi,+ woonyana bakaYeshuwa noYowabhi babeyi-2 812; 7 oonyana bakaElam+ babeyi-1 254; 8 oonyana bakaZatu+ babeyi-945; 9 oonyana bakaZakayi babeyi-760; 10 oonyana bakaBhani babeyi-642; 11 oonyana bakaBhebhayi babeyi-623; 12 oonyana baka-Azegadi babeyi-1 222; 13 oonyana baka-Adonikam babeyi-666; 14 oonyana bakaBhigevayi babeyi-2 056; 15 oonyana baka-Adin babeyi-454; 16 oonyana baka-Atere, wendlu kaHezekiya babeyi-98; 17 oonyana bakaBhetsayi babeyi-323; 18 oonyana bakaYora babeyi-112; 19 oonyana bakaHashum+ babeyi-223; 20 oonyana bakaGibhare babeyi-95; 21 oonyana baseBhetelehem babeyi-123; 22 amadoda aseNetofa ayeyi-56; 23 amadoda aseAnatoti+ ayeyi-128; 24 oonyana baseAzimaveti babeyi-42; 25 oonyana baseKiriyati-yarim, eKefira naseBheheroti babeyi-743; 26 oonyana baseRama+ naseGebha+ babeyi-621; 27 amadoda aseMikimase ayeyi-122; 28 amadoda aseBheteli naseAyi+ ayeyi-223; 29 oonyana baseNebho+ babeyi-52; 30 oonyana baseMagebhishe babeyi-156; 31 oonyana benye iElam babeyi-1 254; 32 oonyana baseHarim babeyi-320; 33 oonyana baseLodi, eHadidi naseOno babeyi-725; 34 oonyana baseYeriko babeyi-345; 35 oonyana baseSenaha babeyi-3 630.
36 Naba ababingeleli:+ oonyana bakaYedaya+ wendlu kaYeshuwa+ babeyi-973; 37 oonyana bakaImere+ babeyi-1 052; 38 oonyana bakaPashure+ babeyi-1 247; 39 oonyana bakaHarim+ babeyi-1 017.
40 Naba abaLevi:+ oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli,+ ababengoonyana bakaHodaviya babeyi-74. 41 Nazi iimvumi:+ oonyana baka-Asafu+ babeyi-128. 42 Naba oonyana boonogada basegeyithini:+ oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemoni,+ oonyana baka-Akubhi,+ oonyana bakaHatita noonyana bakaShobhayi, xa bebonke babeyi-139.
43 Naba abasebenzi basetempileni:*+ oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhahoti, 44 oonyana bakaKero, oonyana bakaSiyaha, oonyana bakaPadon, 45 oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana baka-Akubhi, 46 oonyana bakaHagabhi, oonyana bakaSalmayi, oonyana bakaHanan, 47 oonyana bakaGideli, oonyana bakaGahare, oonyana bakaRehaya, 48 oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, oonyana bakaGazam, 49 oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, oonyana bakaBhesayi, 50 oonyana baka-Asna, oonyana bakaMehun, oonyana bakaNefusim; 51 oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHarehure, 52 oonyana bakaBhatseluti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha, 53 oonyana bakaBharkos, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTema, 54 oonyana bakaNetsiya noonyana bakaHatifa.
55 Naba oonyana bezicaka zikaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSofereti, oonyana bakaPeruda,+ 56 oonyana bakaYahalaha, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGideli, 57 oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokereti-hatsebhayim noonyana baka-Ami.
58 Abasebenzi basetempileni* noonyana bezicaka zikaSolomon xa bebonke babeyi-392.
59 Naba ababesuka eTele-mela, eTele-haresha, eKherubhi, eAdon naseImere, kodwa abazange bakwazi ukulanda izindlu zootata babo nemvelaphi yabo, ukuze baqonde ukuba bangawo na amaSirayeli:+ 60 oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya noonyana bakaNekoda babeyi-652. 61 Naba oonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotse,+ oonyana bakaBharzilayi, owathatha umfazi kwiintombi zikaBharzilayi+ umGiliyadi waza wabizwa ngegama lakhe. 62 Bakhangela umnombo wabo ezincwadini, kodwa abazange bawufumane, ngoko abazange bavunyelwe* ukuba babe ngababingeleli.+ 63 Umlawuli* wabaxelela ukuba mabangazityi ezona zinto zingcwele+ de kubekho umbingeleli oza kukwazi ukubuza kwiUrim neTumim.+
64 Xa lilonke eli bandla lalinabantu abayi-42 360,+ 65 ngaphandle kwamakhoboka namakhobokazana abo ayi-7 337. Babenazo neemvumi neemvumikazi eziyi-200. 66 Amahashe abo ayeyi-736, iimeyile zabo ziyi-245, 67 iinkamela zabo ziyi-435, zona iidonki ziyi-6 720.
68 Ukufika kwazo endlini kaYehova eYerusalem, ezinye iintloko zezindlu zenzela indlu yoThixo wokwenene iminikelo yokuzithandela+ ukuze iphinde yakhiwe kulaa ndawo yayikuyo.+ 69 Zanikela ngezinto ezinazo kulo msebenzi, iidrarhma* zegolide eziyi-61 000, iimina* zesilivere eziyi-5 000,+ nemiwunduzo yababingeleli eyi-100. 70 Ababingeleli, abaLevi, oonogada basegeyithini, iimvumi, abantu abaqhelekileyo, nabasebenzi basetempileni* bahlala kwizixeko zabo, nawo onke amanye amaSirayeli aya kuhlala kwizixeko zawo.+