Zekariya
2 Ndajonga phezulu ndabona indoda ephethe intambo yokumeta.+ 2 Ndayibuza: “Uya phi?”
Yathi: “Ndiyokumeta iYerusalem, ukuze ndibone ukuba bungakanani ububanzi nobude bayo.”+
3 Jonga! yaphuma ingelosi eyayithetha nam, yahlangatyezwa yenye. 4 Yathi kuyo: “Baleka uyokuthi kulaa mfana, ‘“IYerusalem iza kuba njengelizwe+ elivulekileyo lasemaphandleni,* ngenxa yokuba baza kuba baninzi abantu nemfuyo kuyo.+ 5 Yaye kuyo,” utsho uYehova, “ndiza kuba ludonga lomlilo oluyijikelezileyo,+ kwaye ndiza kuba luzuko kuyo.”’”+
6 “Yizani! Yizani! Libalekeni ilizwe lasemntla,”+ utsho uYehova.
“Kuba ndinisasazele kwimimoya emine yamazulu,”+ utsho uYehova.
7 “Yiza Ziyon! Qhwesha, wena uhlala nentombi yaseBhabhiloni.+ 8 Kuba uthi uYehova wemikhosi, othe emva kokuba ezukisiwe* wandithumela ezintlangeni ezaziniphanga:+ ‘Nabani na ochukumisa nina uchukumisa ilihlo lam.+ 9 Kuba ngoku ndiza kuzilingisa ngesandla sam, yaye ziza kuphangwa ngamakhoboka azo.’+ Kwaye niya kwazi ngokuqinisekileyo ukuba uYehova wemikhosi undithumile.
10 “Khwaza kakhulu uvuya, ntombi yaseZiyon;+ kuba ndiyeza,+ kwaye ndiza kuhlala phakathi kwakho,”+ utsho uYehova. 11 “Iintlanga ezininzi ziza kuzidibanisa noYehova ngaloo mini,+ zibe ngabantu bam; ibe mna ndiza kuba phakathi kwenu.” Niza kutsho nazi ukuba ndithunywe nguYehova wemikhosi kuni. 12 UYehova uza kumthatha uYuda abe sisahlulo sakhe emhlabeni ongcwele, kwaye uza kuphinda akhethe iYerusalem.+ 13 Yonke inyama mayithi cwaka phambi koYehova, kuba usukumile kwindawo yakhe yokuhlala engcwele.