Numeri
10 UYehova wathi kuMoses: 2 “Zenzele amaxilongo amabini+ esilivere. Wakhalise xa uqokelela ibandla naxa usithi makuhanjwe. 3 Xa evuthelwa omabini, lonke ibandla limele lize kuwe kumnyango wentente yokuhlangana.+ 4 Xa kuvuthelwe lalinye, makuze kuphela iinkosi, iintloko zamawaka akwaSirayeli.+
5 “Xa niwavuthela ngesandi esitshintsha-tshintshayo, mawahambe amaqela angasempuma.+ 6 Xa niphinda niwavuthela ngesandi esitshintsha-tshintshayo, mawahambe amaqela angasemzantsi.+ Qho ekhaliswa ngolo hlobo amaxilongo, amaqela afanele ahambe.
7 “Kodwa ke xa nibiza ibandla, sanukuwavuthela ngesandi esitshintsha-tshintshayo amaxilongo.+ 8 Mayibe ngoonyana baka-Aron, ababingeleli, abavuthela amaxilongo,+ yaye iza kuhlala ingabo abawavuthelayo kuzo zonke izizukulwana zenu.
9 “Xa kufuneka nilwe nomntu onicinezelayo elizweni lenu, nimele niwakhalisele imfazwe amaxilongo,+ yaye uYehova uThixo wenu uza kuninceda, anisindise kwiintshaba zenu.
10 “Kanti ke naxa nonwabile,+ ingamatheko enu+ okanye kuqala inyanga, nimele niwakhalise la maxilongo xa nisenza iminikelo etshiswayo+ nemibingelelo yobuhlobo;+ yaye uThixo wenu uza kuhlala enikhumbula. NdinguYehova uThixo wenu.”+
11 Ngonyaka wesibini, ngenyanga yesibini, ngosuku lwe-20,+ laphakama ilifu phezu kwentente engcwele+ yoBungqina. 12 Ngoko amaSirayeli emka entlango yaseSinayi, ahamba ngolwa hlobo kwakuthiwe mawahambe ngalo,+ yaye ilifu layokuma entlango yaseParan.+ 13 Aqala ngelo xesha ke ukuhamba ngohlobo uYehova awayexelele uMoses ukuba mawahambe ngalo.+
14 Kwaqala kwahamba iqela lezizwe ezithathu lakwaYuda, yaye laliphethwe nguNashon+ unyana ka-Aminadabhi. 15 Isizwe sakwaIsakare sasiphethwe nguNetaneli+ unyana kaTsuware. 16 Isizwe sakwaZebhulon sasiphethwe nguEliyabhi+ unyana kaHelon.
17 Yathi yakuchithwa intente engcwele,+ oonyana bakaGershon+ noonyana bakaMerari,+ ababethwala intente engcwele, bahamba nayo.
18 Emva koko kwahamba iqela lezizwe ezithathu lakwaRubhen, yaye laliphethwe nguElitsure+ unyana kaShedeyure. 19 Isizwe sakwaSimeyon sasiphethwe nguShelumiyeli+ unyana kaTsurishadayi. 20 Isizwe sakwaGadi sasiphethwe nguEliyasafu+ unyana kaDehuweli.
21 Emva koko kwahamba amaKohati awayethwala izinto zendawo engcwele.+ Kwakufuneka ibe sele imile intente engcwele xa efika.
22 Emva koko kwahamba iqela lezizwe ezithathu lakwaEfrayim, yaye laliphethwe nguElishama+ unyana ka-Amihudi. 23 Isizwe sakwaManase sasiphethwe nguGamaliyeli+ unyana kaPedatsure. 24 Isizwe sakwaBhenjamin sasiphethwe nguAbhidan+ unyana kaGidiyoni.
25 Emva koko, ngasemva kwahamba iqela lezizwe ezithathu lakwaDan, likhusele onke amanye amaqela, yaye laliphethwe nguAhiyezere+ unyana ka-Amishadayi. 26 Isizwe sakwa-Ashere sasiphethwe nguPagiyeli+ unyana kaOkeran. 27 Isizwe sakwaNafetali sasiphethwe nguAhira+ unyana kaEnan. 28 Qho kufuneka emkile amaSirayeli, ayehamba ngolo hlobo.+
29 Wathi uMoses kuHobhabhi unyana kaRehuweli*+ umMidiyan, utata womfazi kaMoses: “Siyahamba ngoku, siya kwilizwe athe uYehova, ‘Ndiza kuninika lona.’+ Hamba nathi,+ siza kukuphatha kakuhle, kuba uYehova umthembise izinto ezintle uSirayeli.”+ 30 Kodwa yena wathi: “Hayi andizukukwazi. Ndiza kubuyela kwilizwe lam nakubantu basekhaya.” 31 UMoses wathi: “Ndicela ungasishiyi, kaloku nguwe ozaziyo iindawo esinokuhlala kuzo kule ntlango, yaye nguwe onokusibonisa indlela.* 32 Ukuba uhamba nathi,+ nantoni na entle asenzela yona uYehova, nawe siza kukunika.”
33 Ngoko bemka entabeni kaYehova,+ bahamba umgama weentsuku ezintathu, ityeya+ kaYehova yesivumelwano iphambi kwabo njengoko babekhangela indawo yokuphumla.+ 34 Ilifu likaYehova+ laliphezu kwabo njengoko babesiya kwindawo ababeza kuhlala kuyo.
35 Kwakusithi xa ihanjiswa iTyeya, uMoses athi: “Phakama Yehova,+ mazichithachitheke iintshaba zakho, futhi mababaleke abo bakucaphukelayo.” 36 Yaye wayesithi xa ibekwa: “Buya Yehova, buyela kumawaka angenakubalwa* akwaSirayeli.”+