Duteronomi
5 UMoses wawabiza onke amaSirayeli, wathi kuwo: “Khanincede maSirayeli nimamele imithetho nezigwebo endinixelela zona namhlanje, yaye nimele nizifunde nize nizithobele. 2 UYehova uThixo wethu wenza isivumelwano nathi eHorebhe.+ 3 Esi sivumelwano uYehova akazange asenze nookhokho bethu, kodwa wasenza nathi sonke silapha namhlanje. 4 UYehova wathetha nani ubuso ngobuso entabeni, esemlilweni.+ 5 Ngelo xesha ndandimi phakathi kwenu noYehova+ ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova, kuba noyikiswa ngumlilo naza anayonyuka intaba.+ Wathi:
6 “‘NdinguYehova uThixo wakho, owakukhupha elizweni laseYiputa, kwindlu yobukhoboka.+ 7 Uze ungabi nabanye oothixo ngaphandle kwam.*+
8 “‘Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo+ okanye into efana nayo nantoni na esemazulwini phezulu, esemhlabeni phantsi, okanye esemanzini phantsi komhlaba. 9 Uze ungaqubudi kuzo okanye uzikhonze,+ kuba mna Yehova Thixo wakho, ndinguThixo ofuna umntu azinikele ngokupheleleyo,+ yaye ndohlwaya oonyana ngesiphoso sootata babo, ndohlwaya isizukulwana sesithathu nesesine sabo bandicaphukelayo.+ 10 Kodwa ndibathanda ndingagungqi abo bandithandayo nabathobela imiyalelo yam, kude kuse kwisizukulwana sewaka.
11 “‘Uze ungaliphathi ngokungathi yinto engenaxabiso igama likaYehova uThixo wakho,+ kuba uYehova soze angamohlwayi nabani na oliphatha ngokungathi yinto engenaxabiso igama lakhe.+
12 “‘Wubhiyozele umhla weSabatha ukuze uwugcine ungcwele, kanye njengokuba ekuyalele uYehova uThixo wakho.+ 13 Umele uwenze wonke umsebenzi wakho iintsuku ezintandathu,+ 14 kodwa wona umhla wesixhenxe uyisabatha kuYehova uThixo wakho.+ Awumelanga wenze nawuphi na umsebenzi,+ wena, unyana wakho, intombi yakho, ikhoboka lakho, ikhobokazana lakho, inkunzi yakho yenkomo, idonki yakho, nasiphi na isilwanyana sakho sasekhaya nomntu wasemzini ohlala kwizixeko zakho,+ ukuze ikhoboka lakho nekhobokazana lakho liphumle njengawe.+ 15 Uze ukhumbule ukuba wawulikhoboka kwilizwe laseYiputa yaye uYehova uThixo wakho wakukhupha apho ngesandla esomeleleyo nangengalo eyoluliweyo.+ Yiloo nto uYehova uThixo wakuyalela ukuba uwubhiyozele umhla weSabatha.
16 “‘Mhloniphe utata wakho nomama wakho,+ njengokuba ekuyalele uYehova uThixo wakho, ukuze uphile ixesha elide yaye uphumelele* kwilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho.+
20 “‘Uze ungangqini into ebubuxoki ngommelwane wakho.+
21 “‘Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho.+ Uze ungayinqweneli indlu yommelwane wakho, intsimi yakhe, ikhoboka lakhe, ikhobokazana lakhe, inkunzi yakhe yenkomo, idonki yakhe okanye nantoni na yommelwane wakho.’+
22 “Le miyalelo* uYehova wayixelela lonke ibandla lenu entabeni. Wathetha ngelizwi elikhulu esemlilweni nakwilifu elimnyama thsu,+ yaye zange ongeze enye into. Emva koko wayibhala kumacwecwe amatye amabini waza wawanika mna.+
23 “Kodwa ngokukhawuleza xa neva ilizwi likhwaza ebumnyameni, kwabe kusitsha nentaba,+ zonke iinkokheli zezizwe zenu nabadala beza kum. 24 Emva koko nathi, ‘UYehova uThixo wethu usibonisile uzuko nobukhulu bakhe, yaye silivile ilizwi lakhe liphuma emlilweni.+ Namhlanje sibonile ukuba uThixo angathetha nomntu aze aqhubeke ephila.+ 25 Ngoku ke kutheni siza kude sife nje? Kaloku ekubeni lo mlilo umkhulu, unokusitshabalalisa. Ukuba siqhubeka sisiva ilizwi likaYehova uThixo wethu, siza kufa nakanjani na. 26 Kuba kubo bonke abantu ngubani owakha weva ilizwi loThixo ophilayo liphuma emlilweni njengathi waza waqhubeka ephila? 27 Makusondele wena kuye, ukuze uve yonke into aza kuyithetha uYehova uThixo wethu, yaye nguwe oza kuxelela thina yonke into uYehova uThixo wethu ayithethileyo, thina ke siza kumamela size siyenze.’+
28 “Ngoko uYehova waweva amazwi enawathethayo kum, waza wathi uYehova kum, ‘Ndiwavile amazwi abawathethe kuwe abantu. Ilungile yonke into abayithethileyo.+ 29 Akwaba nje bebenokuhlala benentliziyo ebenza bandoyike+ baze bayithobele yonke imiyalelo yam;+ izinto beziza kubahambela kakuhle bona noonyana babo ngonaphakade!+ 30 Yiya kubo uze uthi: “Buyelani ezintenteni zenu.” 31 Kodwa wena shiyeka apha nam, ndikuxelele yonke imiyalelo yam, imithetho yam nezigwebo zam oza kubafundisa zona nabamele bazigcine kwilizwe endibanika lona ukuba bahlale kulo.’ 32 Ngoku ke nina nimele niqiniseke ukuba nenza kanye le nto uYehova uThixo wenu aniyalele yona,+ ningajiki niye ekunene okanye ekhohlo.+ 33 Nifanele nihambe kanye ngendlela aniyalele ngayo uYehova uThixo wenu,+ ukuze niphile, niphumelele yaye nandise iintsuku zenu kwilizwe eniza kulithatha libe lelenu.+