KumaHebhere
3 Ngoko ke bazalwana abangcwele, ababizelwe* ezulwini,+ khanicinge ngompostile nombingeleli omkhulu esimamkeleyo* uYesu.+ 2 Wayethembekile kuThixo owambekayo kwezo zikhundla,+ njengokuba noMoses wayethembekile kuyo yonke indlu kaThixo.+ 3 Kuba ujongwa* njengofanelwe luzuko+ ngaphezu koMoses, ekubeni ingumntu oyakhayo indlu onikwa imbeko kunendlu. 4 Kakade ke indlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wakha zonke izinto nguThixo. 5 UMoses wayengumsebenzi othembekileyo endlini kaThixo, engqina izinto ezaziza kuthethwa kamva, 6 kodwa yena uKristu wayengunyana othembekileyo+ endlini kaThixo. Ukuba sibambelela nkqi kwinkululeko yethu yokuthetha nakwithemba esiqhayisa ngalo de kube sekupheleni, siyindlu kaThixo.+
7 Ngoko kanye njengokuba nomoya oyingcwele usitsho:+ “Ukuba niyalimamela ilizwi lakhe namhlanje, 8 sanukuyenza lukhuni intliziyo yenu njengaxa bamenza wanomsindo uThixo, ngemini abamvavanya ngayo entlango,+ 9 xa ookhokho benu babendivavanya, bendilinga, nangona kwadlula iminyaka eyi-40 bezibona izinto endizenzayo.+ 10 Yiloo nto saye sandonyanyisa esi sizukulwana ndaza ndathi, ‘Intliziyo yaso isoloko iphuma endleleni, asikhange sizazi iindlela zam.’ 11 Ngoko ndafunga ndinomsindo ndathi: ‘Asizukungena ekuphumleni kwam.’”+
12 Lumkani bazalwana, kungabikho nabani na kuni onentliziyo enobubi nengenalukholo ngenxa yokumka kuThixo ophilayo.+ 13 Kodwa hlalani nikhuthazana yonke imihla, ukuba nje kusathiwa “Namhlanje,”+ ukuze kungabikho nabani na kuni owenziwa aqaqadeke ngamandla esono aqhathayo. 14 Kuba siza kufumana loo nto uKristu aza kuyifumana ukuba sibambelela nkqi de kube sekupheleni kwithemba esasinalo kwasekuqaleni.+ 15 Njengokuba kwathiwa: “Ukuba niyalimamela ilizwi lakhe namhlanje, sanukuyenza lukhuni intliziyo yenu njengaxa bamenza wanomsindo uThixo.”+
16 Kuba ngoobani abevayo, sekunjalo bamenza wanomsindo? Ayingabo bonke na abantu abaphuma eYiputa bekhokelwa nguMoses?+ 17 Ngoobani abonyanyisa uThixo iminyaka eyi-40?+ Ayingabo na abo bonayo, abo izidumbu zabo zawa entlango?+ 18 Ngoobani awafunga ukuba abazukungena ekuphumleni kwakhe? Ayingabo na abo bangazange bathobele? 19 Ngoko siyabona ukuba abazange bangene kuba babengenalukholo.+