Eyokuqala YeziKronike
11 Ekuhambeni kwexesha, onke amaSirayeli aqokelelana kuDavide eHebron+ aza athi: “Silithambo lakho nenyama yakho.*+ 2 Ngexesha uSawule wayengukumkani, nguwe owawukhokela uSirayeli aye ezimfazweni.*+ UYehova uThixo wakho wathi kuwe: ‘Uza kwalusa abantu bam uSirayeli, yaye uza kuba yinkokheli yabantu bam uSirayeli.’”+ 3 Ngoko bonke abadala bakwaSirayeli beza kukumkani eHebron, waza uDavide wenza isivumelwano nabo eHebron phambi koYehova. Emva koko bambeka uDavide ukuba abe ngukumkani kaSirayeli,+ ngokwelizwi likaYehova ngoSamuweli.+
4 Ethubeni uDavide naye wonke uSirayeli baya eYerusalem, oko kukuthi eYebhusi,+ kwilizwe ayehlala kulo amaYebhusi.+ 5 AmaYebhusi ahlekisa ngoDavide esithi: “Soze ungene apha!”+ Sekunjalo, uDavide walithimba ikhusi leZiyon,+ ngoku elisisiXeko SikaDavide.+ 6 Ngoko uDavide wathi: “Nabani na oxabela amaYebhusi kuqala, uza kuba ngumphathi wamajoni.”* UYowabhi+ unyana kaTseruya wenyuka kuqala, waza waba ngumphathi wamajoni. 7 Emva koko uDavide wahlala apho kwikhusi. Kungenxa yaloo nto bathi sisiXeko SikaDavide. 8 Wakha isixeko macala onke, ukusuka eNdulini* ukuya kwimimandla ejikelezileyo, yaye uYowabhi wasivuselela sonke isixeko. 9 Ngaloo ndlela uDavide waya esiba mkhulu ngokuba mkhulu,+ noYehova wemikhosi wayemxhasa.
10 Ezi ziintloko zamakroti kaDavide, awayemxhasa ebukumkanini bakhe kunye noSirayeli wonke, ukuba amenze ukumkani njengokuba uYehova wayetshilo xa wayethetha ngoSirayeli.+ 11 La ngamagama amakroti kaDavide: uYashobheyam+ unyana womHakemoni, intloko yabathathu.+ Wavonyavonya umkhonto wakhe kwabayi-300 ababulawa ngaxeshanye.+ 12 Olandelayo yayinguEleyazare+ unyana kaDodo umAhowa.+ Wayengomnye wamakroti amathathu. 13 Wayekunye noDavide ePas-damim,+ apho ayedibene khona amaFilisti ukuze aye emfazweni. Kwakukho isiqwenga somhlaba sigcwele irhasi, yaye abantu babewabalekile amaFilisti. 14 Kodwa yena wema endaweni yakhe phakathi entsimini, wayilwela waza wawaxabela amaFilisti, yaye uYehova wenza kwakho uloyiso* olukhulu.+
15 Amathathu kumadoda ayi-30 ehla aya eliweni, esiya kuDavide emqolombeni waseAdulam,+ ngoxa umkhosi wamaFilisti wawumise inkampu kwiNtlambo YamaRefa.*+ 16 Ngelo xesha uDavide wayekwindawo ekhuselekileyo, yaye iqela lomkhosi wamaFilisti laliseBhetelehem. 17 UDavide wachaza into ayifunayo, wathi: “Akwaba bendinokusela amanzi equla elingakwigeyithi yaseBhetelehem!”+ 18 Loo makroti mathathu angena kwinkampu yamaFilisti aza akha amanzi kwiqula elingakwisango laseBhetelehem, awazisa kuDavide, kodwa uDavide zange avume ukuwasela, waza wawagalelela uYehova. 19 Wathi: “Andinakuyenza le nto, kuba ndoyika uThixo! Ndimele ndilisele na igazi lamadoda abeke ubomi bawo* esichengeni?+ Kuba awazise ngokubeka esichengeni ubomi bawo.”* Ngoko zange avume ukuwasela. Ezo zizinto ezenziwa ngala makroti mathathu.
20 UAbhishayi+ umntakwaboYowabhi,+ waba yintloko yabanye abathathu, wavonyavonya umkhonto wakhe phezu kwabayi-300 ababulawayo, yaye wayedume njengabo bathathu.+ 21 Kwaba bathathu wayengoyena ubalaseleyo kunababini, yaye eyintloko yabo, noko ke akazange afike kumgangatho wabaya bathathu bokuqala.
22 UBhenaya+ unyana kaYehoyada wayeyindoda enesibindi,* eyenza izinto ezininzi ezibalaseleyo eKabhetseli.+ Waxabela oonyana ababini baka-Ariyeli wakwaMowabhi, yaye ngemini eyayinekhephu wehla wangena emngxunyeni onamanzi, waza wabulala ingonyama.+ 23 Waxabela nendoda engumYiputa eyayinkulu ngokungaqhelekanga, eyayiziikubhite ezintlanu ubude.*+ Nangona le ndoda yayiphethe umkhonto onjengomphini wabaluki,+ wayihlasela ngentonga waza wawoxutha umkhonto kuloo mYiputa, wambulala ngomkhonto wakhe.+ 24 Ezi zizinto ezenziwa nguBhenaya unyana kaYehoyada, yaye wayedume njengalaa makroti mathathu. 25 Nangona wayebalasele ngaphezu kwaloo mashumi mathathu, zange afike kumgangatho wabaya bathathu.+ Kodwa, uDavide wamnyula ukuba aphathe oonogada bakhe.
26 Amakroti amajoni omkhosi yayinguAsaheli+ umntakwaboYowabhi, uElihanan unyana kaDodo waseBhetelehem,+ 27 uShamoti umHarori, uHeletse umPeloni, 28 uIra+ unyana kaIkeshe umTekowa, uAbhi-ezere+ umAnatoti, 29 uSibhekayi+ umHusha, uIlayi umAhowa, 30 uMaharayi+ umNetofa, uHeledi+ unyana kaBhahana umNetofa, 31 uItayi unyana kaRibhayi waseGibheya yamaBhenjamin,+ uBhenaya umPiratoni, 32 uHurayi weentlambo zaseGahashe,+ uAbhiyeli umArbha, 33 uAzimaveti umBhaharum, uEliyabha umShahalebhim, 34 oonyana bakaHashem umGizon, uYonatan unyana kaShage umHarari, 35 uAhiyam unyana kaSakare umHarari, uElifali unyana kaUre, 36 uHefere umMekera, uAhiya umPeloni, 37 uHetsero umKarmele, uNarayi unyana kaEzebheyi, 38 uYoweli umntakwaboNatan, uMibhare unyana kaHagri, 39 uTseleke umAmoni, uNaharayi umBheroti, umphathi wezixhobo zikaYowabhi unyana kaTseruya; 40 uIra umItri, uGarebhe umItri, 41 u-Uriya+ umHiti, uZabhadi unyana ka-Ahalayi, 42 uAdina unyana kaShiza umRubhen, intloko yamaRubhen, ekunye nabayi-30, 43 UHanan unyana kaMahaka, uYoshafati umMiteni, 44 u-Uziya umAshterati, uShama noYeyeli, oonyana bakaHotam umArohere, 45 uYediyayeli unyana kaShimri, noYoha umntakwabo ongumTitsi, 46 uEliyeli umMahavi, uYeribhayi noYoshaviya oonyana bakaElnaham, noItema umMowabhi, 47 uEliyeli, uObhedi noYahasiyeli umMetsobhaya.