Eyokuqala YeziKronike
16 Ngoko bayingenisa ngaphakathi iTyeya kaThixo wokwenene, bayibeka endaweni yayo, kwintente uDavide awayeyimisele yona.+ Benzela uThixo wokwenene iminikelo etshiswayo nemibingelelo yobuhlobo.+ 2 Akugqiba ukunikela iminikelo etshiswayo+ nemibingelelo yobuhlobo,+ wabasikelela abantu egameni likaYehova. 3 Wanika indoda nomfazi ngamnye, kuwo onke amaSirayeli, isonka esirawundi, isonka seedatilisi nesonka seerasintyisi. 4 Emva koko wamisela abathile kubaLevi ukuba basebenze phambi kweTyeya kaYehova,+ ukuba bazukise,* babulele baze badumise uYehova uThixo kaSirayeli. 5 UAsafu+ wayeyintloko, owesibini inguZekariya. UYeyeli,+ uShemiramoti, uYehiyele, uMatitiya, uEliyabhi, uBhenaya, uObhedi-edom noYeyeli babedlala imirhubhe neehadi;+ uAsafu wayekhalisa amacangci,+ 6 yena uBhenaya noYahaziyeli ababingeleli, babesoloko bevuthela amaxilongo phambi kwetyeya yesivumelwano* kaThixo wokwenene.
7 UDavide wayeqala ngaloo mini ukuqamba ingoma yokubulela uYehova waza wayalela uAsafu+ nabantakwabo ukuba bayicule bathi:
10 Qhayisani ngegama lakhe elingcwele.+
Mazivuye iintliziyo zabo bafuna uYehova.+
11 Funani uYehova+ namandla akhe.
Hlalani nibufuna ubuso* bakhe.+
12 Khumbulani izenzo zakhe ezimangalisayo,+
Imimangaliso yakhe nokugweba kwakhe,
13 Nina nzala* kaSirayeli umkhonzi wakhe,+
Nina bonyana bakaYakobi, abakhethiweyo bakhe.+
Ugweba umhlaba wonke.+
15 Sikhumbuleni ngonaphakade isivumelwano sakhe,
Isithembiso awasenza* kwizizukulwana eziliwaka,+
16 Isivumelwano awasenza noAbraham,+
Nesifungo awasifungela uIsake,+
17 Eso wasimisela saba sisigwebo kuYakobi+
Nesivumelwano esiza kuhlala sihleli kuSirayeli,
18 Esithi, ‘Ndiza kukunika ilizwe laseKanan+
Libe lilifa lakho.’+
21 Zange avumele namnye umntu abacinezele,+
Kodwa wakhalimela ookumkani ngenxa yabo,+
22 Esithi, ‘Ningabachukumisi abantu bam endibakhethileyo,
Ningenzi izinto ezimbi nakubaprofeti bam.’+
23 Mculeleni uYehova, nonke nina basemhlabeni!
Thethani ngendlela asindisa ngayo usuku nosuku!+
24 Thethani ngozuko lwakhe phakathi kweentlanga,
Ngemisebenzi yakhe emangalisayo phakathi kwezizwana zonke.
25 Kuba uYehova mkhulu yaye ngoyena ofanelwe kukudunyiswa.
Woyikeka ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo.+
Qubudani kuYehova* ninxibe iimpahla zenu ezingcwele.*+
30 Umhlaba wonke mawungcangcazele phambi kwakhe!
Umhlaba uzinzisiwe, awunakugungqiswa.*+
32 Malugqume ulwandle nazo zonke izinto ezikulo,
Mawavuye amadlelo nazo zonke izinto ezikuwo.
33 Kwangaxeshanye mayikhwaze ivuya imithi yehlathi phambi koYehova,
Kuba uyeza,* ukuze agwebe umhlaba.
34 Bulelani kuYehova, kuba ulungile,+
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.+
35 Yithini, ‘Sisindise, Thixo wosindiso lwethu,+
Siqokelele uze usihlangule ezintlangeni,
Ukuze sibulele igama lakho elingcwele+
Yaye bonke abantu bathi, “Amen!”* baza bamdumisa uYehova.
37 Emva koko, uDavide washiya uAsafu+ nabantakwabo phambi kwetyeya yesivumelwano* kaYehova ukuze bahlale besebenza phambi kwayo,+ besenza izinto ezazifanele zenziwe suku ngalunye.+ 38 UObhedi-edom nabantakwabo abayi-68, no-Obhedi-edom unyana kaYedutun kunye noHosa babengoonogada basegeyithini. 39 UTsadoki+ umbingeleli nabanye ababingeleli babephambi kwentente engcwele kaYehova kwindawo ephakamileyo eGibheyon+ 40 ukuze banikele iminikelo etshiswayo eya kuYehova qho esibingelelweni somnikelo otshiswayo, kusasa nangokuhlwa, nokuze benze konke okubhalwe eMthethweni kaYehova awawuyalela uSirayeli.+ 41 BabenoHeman noYedutun+ nawo onke amadoda akhethiweyo, awayebizwe ngamagama ukuba abulele uYehova,+ kuba “uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade,”+ 42 yaye babenoHeman+ noYedutun, ababemiselwe ukuba bakhalise amaxilongo, amacangci nezixhobo zokudumisa* uThixo wokwenene, ibe oonyana bakaYedutun+ babesegeyithini. 43 Emva koko abantu bagoduka waza uDavide wayokusikelela indlu yakhe.