Eyokuqala YeziKronike
8 UBhenjamin+ wazala uBhela+ izibulo lakhe, uAshbheli+ owesibini noAhara owesithathu, 2 uNoha owesine noRafa owesihlanu. 3 Oonyana bakaBhela yayinguAdare, uGera,+ uAbhihudi, 4 uAbhishuwa, uNahaman, uAhowa, 5 uGera, uShefufan noHuram. 6 Aba yayingoonyana bakaEhudi, iintloko zezindlu zookhokho zabemi baseGebha+ abathinjelwa eManahati: 7 UNahaman, uAhiya noGera, nguye owabasa ekuthinjweni, waza wazala u-Uza noAhihudi. 8 UShaharayim wazala abantwana kummandla wakwaMowabhi* emva kokuba ebayeke bahamba. UHushim noBhahara yayingabafazi bakhe.* 9 Ngomfazi wakhe uHodeshe, wazala uYobhabhi, uTsibhiya, uMesha, uMalekam, 10 uYewutse, uSakiya noMirma. Aba yayingoonyana bakhe, iintloko zezindlu zookhokho.
11 NgoHushim, wazala uAbhitubhi noElpahali. 12 Oonyana bakaElpahali yayinguEbhere, uMisham, uShemedi (owakha iOno+ neLodi+ needolophu eziphantsi kwayo*), 13 uBheriya noShema. Aba babeziintloko zezindlu zookhokho zabemi baseAyalon,+ ibe bagxotha abantu baseGati. 14 Kwakukho noAhiyo, uShashaki, uYeremoti, 15 uZebhadiya, uAradi, uEdere, 16 uMikayeli, uIshpa, uYoha, oonyana bakaBheriya, 17 noZebhadiya, uMeshulam, uHizeki, uHebheri, 18 uIshmerayi, uIziliya, uYobhabhi, oonyana bakaElpahali, 19 noYakim, uZikri, uZabhedi, 20 uEliyenayi, uTsiletayi, uEliyeli, 21 uAdaya, uBheraya, uShimrati, oonyana bakaShimeyi, 22 noIshpan, uEbhere, uEliyeli, 23 uAbhedon, uZikri, uHanan, 24 uHananiya, uElam, uAntotiya, 25 uIfedeya, uPenuweli, oonyana bakaShashaki, 26 noShamsherayi, uShehariya, uAtaliya, 27 uYahareshiya, uEliya, uZikri, oonyana bakaYeroham. 28 Aba babeziintloko zezindlu zootata babo ngokweenzala zabo. La madoda aziintloko ayehlala eYerusalem.
29 Utata kaGibheyon uYeyeli, wayehlala eGibheyon.+ Igama lomfazi wakhe yayinguMahaka.+ 30 Unyana wakhe olizibulo yayinguAbhedon, elandelwa nguTsure, uKishe, uBhahali, uNadabhi, 31 uGedore, uAhiyo noZekere. 32 UMikeloti wazala uShimeha. Bonke babehlala kufutshane nabantakwabo eYerusalem, kunye nabanye abantakwabo.
33 UNere+ wazala uKishe, uKishe wazala uSawule,+ uSawule wazala uYonatan,+ uMaleki-shuwa,+ uAbhinadabhi+ noEshbhali.*+ 34 Unyana kaYonatan yayinguMeribhi-bhahali.*+ UMeribhi-bhahali wazala uMika.+ 35 Oonyana bakaMika yayinguPiton, uMeleki, uTareya noAhazi. 36 UAhazi wazala uYehowada, uYehowada wazala uAlemete, uAzimaveti noZimri. UZimri wazala uMotsa. 37 UMotsa wazala uBhineya, uRafaha unyana wakhe, uEleyasa unyana wakhe noAzeli unyana wakhe. 38 UAzeli wayenoonyana abathandathu, ibe la ngamagama abo: uAzerikam, uBhokeru, uIshmayeli, uShehariya, uObhadiya noHanan. Bonke aba yayingoonyana baka-Azeli. 39 Bona oonyana bakaEsheki umntakwabo yayingu-Ulam izibulo, uYehushe owesibini noElifelete owesithathu. 40 Oonyana bakaUlam babengamakroti agoba* isaphetha, yaye babenoonyana nabazukulwana abaninzi, beyi-150 bebonke. Bonke aba babeyinzala kaBhenjamin.