Genesis
7 Emva koko uYehova wathi kuNowa: “Ngena, wena nalo lonke usapho lwakho emkhombeni, kuba nguwe endimbone elilungisa phambi kwam phakathi kwesi sizukulwana.+ 2 Kulo lonke uhlobo lwezilwanyana ezicocekileyo thatha ngasixhenxe,*+ inkunzi nemazi yayo; yaye kwizilwanyana zonke ezingacocekanga thatha zibe mbini qha, inkunzi nemazi yayo; 3 nakwizidalwa ezibhabhayo zasemazulwini thatha ngasixhenxe,* inkunzi nemazi, ukuze kugcinwe inzala yazo iphila phezu komhlaba wonke.+ 4 Kuba emva kweentsuku nje ezisixhenxe, ndiza kunethisa imvula+ emhlabeni iintsuku eziyi-40 neengokuhlwa eziyi-40,+ yaye ndiza kutshayela yonke into ephilayo endayenzayo phezu komhlaba.”+ 5 UNowa wayenza yonke into uYehova awayemyalele yona.
6 Xa uNowa wayeneminyaka eyi-600 kwanetha izantyalantyala zemvula emhlabeni.+ 7 Ngaphambi kokuba kunethe, uNowa, oonyana bakhe, umfazi wakhe nabafazi boonyana bakhe, bangena emkhombeni. + 8 Kuzo zonke izilwanyana ezicocekileyo, ezingacocekanga, ezibhabhayo nazo zonke izinto ezihamba emhlabeni,+ 9 kwangena ngambini emkhombeni awayekuwo uNowa, inkunzi nemazi, kanye njengoko uThixo wayemyalele. 10 Emva kweentsuku ezisixhenxe zagaleleka izantyalantyala zemvula emhlabeni.
11 Kunyaka we-600 wobomi bukaNowa, kwinyanga yesibini, ngosuku lwe-17 kuloo nyanga, kanye ngolo suku, yonke imithombo emikhulu yamanzi anzulu yagqabhuka aza avuleka amazulu, kwaphuma izikhukula.+ 12 Imvula yanetha emhlabeni iintsuku eziyi-40 neengokuhlwa eziyi-40. 13 Kanye ngolo suku, uNowa wangena emkhombeni noonyana bakhe, uShem, uHam, noYafete+ kunye nomfazi wakhe nabafazi boonyana bakhe abathathu.+ 14 Bangena emkhombeni nazo zonke iintlobo zezilwanyana zasendle ngokohlobo lwazo, nazo zonke izilwanyana zasekhaya ngokohlobo lwazo, nazo zonke izilwanyana ezinambuzelayo zomhlaba ngokohlobo lwazo, nazo zonke izidalwa ezibhabhayo ngokohlobo lwazo, zonke iintaka, zonke izidalwa ezinamaphiko. 15 Zonke iintlobo zezidalwa eziphilayo zaya kuNowa ngaphakathi emkhombeni, ngambini ngambini. 16 Ngoko zangena, inkunzi nemazi yalo lonke uhlobo lwenyama, zangena kanye njengoko uThixo wayemyalele. Emva koko uYehova waluvala ucango.
17 Izantyalantyala zemvula zaqhubeka zinetha iintsuku eziyi-40 emhlabeni, ada amanzi amaninzi kakhulu, awuphakamisela phezulu umkhombe. 18 Aba maninzi kakhulu amanzi aza anda kakhulu phezu komhlaba, kodwa umkhombe wadada phezu kwamanzi. 19 Aba maninzi kakhulu, ogquma zonke iintaba eziphakamileyo emhlabeni wonke.+ 20 Aphakama amanzi kangangeekubhite* eziyi-15 ukusukela encochoyini yeentaba.
21 Ngoko zonke izidalwa eziphilayo* ezazihamba emhlabeni zatshabalala,+ kwatshabalala izidalwa ezibhabhayo, izilwanyana zasekhaya, izilwanyana zasendle, izidalwa ezinyakazelayo nalo lonke uluntu.+ 22 Yonke into esemhlabeni owomileyo eyayinempefumlo yobomi* ezimpumlweni zayo yafa.+ 23 Ngoko uThixo watshayela yonke into ephilayo phezu komhlaba, abantu, izilwanyana, izidalwa ezibhabhayo zamazulu nazo zonke ezinye iintlobo zezilwanyana. Zatshayelwa zonke kwathi tu emhlabeni;+ kwasinda nje kuphela uNowa nabo babekunye naye emkhombeni.+ 24 Umhlaba wagcwala ngamanzi iintsuku eziyi-150.+