Yobhi
39 “Uyalazi na ixesha ezizala ngalo iibhokhwe zasezintabeni?+
Wakha walibukela na ixhamakazi lizala?+
2 Uyazibala na iinyanga zokukhulelwa kwalo?
Khona, uyalazi ukuba lizala nini?
3 Ziyathoba xa zizala amatakane azo,
Ize iphele ke inimba yazo.
4 Amatakane azo ayomelela aze akhulele apho endle;
Ayemka angaphindi abuye.
6 Ndiye ndenza intlango yaba likhaya layo,
Ndayihlalisa kumhlaba onetyiwa.
7 Iyasihleka isiphithi-phithi sesixeko;
Ayikuva ukukhwaza komntu oqhuba izilwanyana.
8 Ibhadula ezintabeni ifuna amadlelo,
Ikhangela zonke izityalo eziluhlaza.
9 Ingakusebenzela na inkunzi yenkomo yasendle?+
Ingahlala na esitalini sakho ubusuku bonke?
10 Ungayibopha na ngentambo ukuze uvule ifolo,
Okanye ulime ngayo entlanjeni?
11 Ungawathemba na amandla ayo,
Uze uyiyeke ikwenzele umsebenzi?
12 Ungayithemba na ukuba iza kukuthwalela isivuno sakho,
Isise kwibala lokubhula?
14 Kuba yona inciniba iwashiya phantsi amaqanda ayo,
Iwafudumeza ngomhlaba.
15 Iyalibala ukuba asenokunyathelwa ngumntu
Okanye sisilwanyana sasendle.
18 Kodwa xa iphakama ize iphaphazelise amaphiko ayo,
Iyalihleka ihashe nomkhweli walo.
19 Nguwe na olinike amandla ihashe?+
Nguwe na okhulise isingci entanyeni yalo?
20 Uyakwazi na ukulenza litsibe okwentethe?
Kuyoyikeka ukubetha kwalo ithatha.+
22 Liyayihleka into eyoyikisayo, ibe aloyiki nto.+
Alibuyi mva ngenxa yekrele.
23 Isingxobo seentolo simane singqubeka kulo,
Kube kusithi lenye imikhonto.
24 Liphala lisiya phambili, lingasakwazi nokulinda,
Kuthi kwakutsho isandi sophondo, lingabambeki.
25 Luthi lwakuvuthelwa uphondo lithi, ‘Heke!’
Liliva likude ivumba ledabi,
Liva nokukhwaza kweenkumanda nesandi semfazwe.+
26 Bubulumko bakho na obunika ukhetshe ubuchule bokubhabha,
Athi naa amaphiko akhe esiya ngasemzantsi?