Genesis
19 Zafika ezo ngelosi zimbini eSodom ngokuhlwa, yaye uLote wayehleli ngasegeyithini yaseSodom. Wathi akuzibona, waphakama waya kuzikhawulela waza waqubuda.+ 2 Wathi: “Ndiyanicela zinkosi zam, ndicela niye endlini yesicaka senu, nilale khona nize nihlanjwe neenyawo. Emva koko ningavuka ekuseni nihambe.” Zona zathi: “Hayi, siza kuhlala kwindawo kawonke-wonke kude kuse.” 3 Wazicenga kakhulu, zade zahamba naye zaya endlini yakhe. Wazenzela isidlo esikhulu, wabhaka nezonka ezingenagwele, zatya.
4 Ngaphambi kokuba zilale, amadoda esixeko, amadoda aseSodom, ukusuka kwinkwenkwana ukuyokutsho kwindoda endala, onke ayingqonga indlu eligquba. 5 Aqhubeka ekhwaza uLote esithi: “Aphi la madoda angene kwakho ngobu busuku? Wakhuphe eze apha ukuze silale nawo.”+
6 ULote waphuma waya kuwo ngasemnyango, waluvala ucango. 7 Wathi: “Ndiyanicela bantakwethu, sanukwenza ububi. 8 Yhini kodwa, ndineentombi ezimbini apha ezingazange zalala nandoda. Makhe ndinizisele zona, nizenze loo nto nifuna ukuyenza. Kodwa sanukuwenza nto la madoda, kuba eze phantsi kophahla* lwam.”+ 9 Wona athi: “Khawusuke!” Aza athi: “Lo mntu wasemzini ulilolo weza kuhlala apha, ngoku unesibindi sokusigweba! Siza kwenza ububi obungakumbi kuwe kunakuwo.” Asuka amxinanisela ngamandla uLote, atyhalela phambili ukuze aqhekeze ucango. 10 Ngoko la madoda asendlini olula izandla zawo aza amngenisa uLote, aluvala ucango. 11 Kodwa wona amadoda awayesemnyango wendlu, awenza aziimfama, ukususela kweyona incinci ukuyokutsho kweyona inkulu, kangangokuba anxapha ekhangelana nomnyango.
12 Emva koko la madoda athi kuLote: “Ukhona omnye umntu ongowakho apha? Abakhwenyana, oonyana bakho, iintombi zakho nabo bonke abantu bakho abakwesi sixeko, bakhuphe kule ndawo! 13 Siza kuyitshabalalisa ngenxa yokuba kukhalwa kakhulu ngayo phambi koYehova,+ kangangokuba uYehova usithumele ukuba sisitshabalalise esi sixeko.” 14 Ngoko uLote waphuma wayokuthetha nabakhwenyana bakhe ababeza kutshata iintombi zakhe, yaye waqhubeka esithi: “Vukani! Phumani kule ndawo, kuba uYehova uza kusitshabalalisa esi sixeko!” Kodwa abakhwenyana bakhe babembona ngathi uyazidlalela nje.+
15 Kwathi xa kusithi qheke ukusa, iingelosi zamngxamisa uLote, zisithi: “Vuka! Thatha umfazi wakho neentombi zakho ezimbini ezikunye nawe apha, ukuze ungatshayelwa nesiphoso sesi sixeko!”+ 16 Xa wayesangqunga, la madoda amthi nqaku ngesandla, abamba nesandla somfazi wakhe, nezandla zeentombi zakhe ezimbini, amkhupha ammisa ngaphandle kwesixeko,+ kuba uYehova wayenovelwano ngaye.+ 17 Emva kokuba la madoda efike nabo kummandla ongaphandle, yathi enye: “Baleka usindise ubomi bakho! Ungajongi ngasemva+ yaye ungemi naphi na kule ngingqi!+ Balekela kummandla weentaba ukuze ungatshayelwa!”
18 ULote wathi kuwo: “Mandingayi pha, owu yhini Yehova! 19 Ndiyakucela, isicaka sakho siye sathandeka emehlweni akho yaye undenzela ububele obukhulu* ngokundigcina ndiphila,+ kodwa andinakukwazi ukubalekela kummandla weentaba kuba ndoyika ukuba ndingafikelwa yintlekele ndize ndife.+ 20 Ndiyakucela, nantsi idolophu ekufuphi yaye ndingakwazi ukubalekela kuyo; iyindawo nje encinci. Ndiyacela, andinakubalekela kuyo na? Iyindawo nje encinci. Ndiza kutsho ndisinde.” 21 Ngoko yathi kuye: “Kulungile, ndiza kukucingela,+ ndingayitshabalalisi le dolophu uthetha ngayo.+ 22 Khawuleza! Balekela khona, kuba akukho nto ndiza kukwazi ukuyenza de ufike khona!”+ Yiloo nto wathi loo dolophu yiTsoware.*+
23 Lalisele liphumile ilanga elizweni ukufika kukaLote eTsoware. 24 Emva koko uYehova wanethisa imvula yesalfure nomlilo eSodom naseGomora, yayisuka kuYehova, emazulwini.+ 25 Ngoko wazibhukuqa ezi zixeko, kwanayo yonke loo ngingqi, kunye nabemi bezo zixeko nezityalo zomhlaba.+ 26 Kodwa umfazi kaLote, owayesemva kwakhe, waqalisa ukujonga ngasemva, waza waba yintsika yetyiwa.+
27 UAbraham wavuka ekuseni waya kula ndawo wayemi kuyo phambi koYehova.+ 28 Xa ephosa amehlo ngaseSodom naseGomora nakulo lonke ilizwe laloo ngingqi, wabona izinto zamehlo. Kwakukho ingqimba yomsi owenyuka kwelo lizwe, ufana nomsi weziko!+ 29 Ngoko xa uThixo wayetshabalalisa izixeko zaloo ngingqi, wamkhumbula uAbraham ngokuthi amkhuphe uLote kwezo zixeko wayezibhukuqa, zixeko ezo wayehlala kuzo uLote.+
30 Ethubeni uLote waphuma eTsoware neentombi zakhe ezimbini, waza wahlala kummandla weentaba,+ kuba wayesoyika ukuhlala eTsoware.+ Ngoko wahlala emqolombeni neentombi zakhe ezimbini. 31 Eyamazibulo yathi kwencinci: “Utata mdala, yaye akukho madoda kweli lizwe esinokwabelana ngesondo nawo ngendlela ekwenziwa ngayo emhlabeni wonke. 32 Yiza, masimseze iwayini utata size sabelane naye ngesondo, ukuze asinike inzala.”
33 Ngoko ngobo busuku zamselisa iwayini utata wazo. Yangena eyamazibulo yaza yalala naye, kodwa yena zange ayibone xa ilala naye naxa ivuka. 34 Ngengomso, eyamazibulo yathi kwencinci: “Mna ke ndiye ndalala notata izolo ebusuku. Masiphinde simseze iwayini nangobu busuku. Uze ungene, ulale naye, ukuze utata asinike inzala.” 35 Nangobo busuku, zamselisa iwayini utata wazo. Yangena ke encinci yaza yalala naye, kodwa yena zange ayibone xa ilala naye naxa ivuka. 36 Zombini iintombi zikaLote zamithiswa ngutata wazo. 37 Eyamazibulo yazala unyana yamthiya igama elinguMowabhi.+ Yena ngutata wamaMowabhi anamhlanje.+ 38 Nencinci yazala unyana, yaza yamthiya igama elinguBhen-ami. Yena ngutata wama-Amoni+ anamhlanje.