IiNdumiso
Ingoma. Ingoma emnandi yoonyana bakaKora.+
48 UYehova mkhulu yaye ngoyena ufanelwe kukudunyiswa
Kwisixeko soThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.
2 INtaba YeZiyon ekwezona ndawo zithe qelele zasemntla,+
Isixeko soKumkani Ozukileyo,+
Intle kwindawo yayo ephakamileyo, ibe ivuyisa umhlaba wonke.
3 Kwiinqaba zayo ezikhuselekileyo,
UThixo uye wenza kwaziwa ukuba uyindawo ekhuselekileyo yokubalekela.*+
5 Bathe bakuyibona, bamangala.
Baye baphakuzela, babaleka besoyika.
6 Baye bafikelwa kukungcangcazela apho,
Inimba efana neyomfazi ozalayo.
7 Uzaphula ngomoya wasempuma iinqanawa zaseTarshishe.
8 Le nto sayivayo, sitsho sazibonela ngawethu amehlo
Kwisixeko sikaYehova wemikhosi, isixeko soThixo wethu.
UThixo uza kusizinzisa ngonaphakade.+ (Selah)
Isandla sakho sasekunene sigcwaliswe bubulungisa.+
11 Kwanga ingaba nemihlali iNtaba YeZiyon,+
Kwanga iidolophu* zakwaYuda zingavuya ngenxa yezigwebo zakho.+
13 Jongisisani imisele yongqameko lwayo.*+
Hlolani iinqaba zayo ezikhuselekileyo,
Ukuze nibalise ngazo kwizizukulwana ezizayo.