IiNdumiso
Ingoma kaDavide yokuzila awayiculela uYehova ngenxa yezinto ezazithethwe nguKushi umBhenjamin.
7 Owu Yehova Thixo wam, ndibalekela kuwe.+
Ndisindise kubo bonke abo banditshutshisayo uze undihlangule.+
3 Owu Yehova Thixo wam, ukuba ndibekeka ityala ngale nto,
Ukuba andenzanga bulungisa,
4 Ukuba ndimphathe kakubi lowo undenzela ububele,+
Okanye ukuba ndiphange utshaba lwam lungenzanga nto,*
5 Utshaba malundileqe lundifumane;
Malubunyathelele emhlabeni ubomi bam
Luze lulwenze luphelele eluthulini uzuko lwam. (Selah)
6 Phakama Yehova, unomsindo;
Ndinqandele kumsindo weentshaba zam;+
Vuka ngenxa yam, uze uqinisekise ukuba kwenziwa ubulungisa.+
7 Mazikujikeleze iintlanga;
Ibe wena uza kuzihlasela usetroneni yakho ephezulu.
8 UYehova uza kuwisa isigwebo kwizizwana.+
Owu yhini Yehova, ndigwebe ngokobulungisa bam
Nangokungasoleki kwam.+
9 Ndiyakucela, buphelise ububi obenziwa ngabenzi-bubi.
10 UThixo likhaka lam,+ uMsindisi wabo baneentliziyo ezilungileyo.+
12 Ukuba nabani na akaguquki,+ ulola ikrele lakhe;+
Ugoba isaphetha sakhe aze asilungiselele ukutola.+