Ingoma emnandi ka-Asafu.+
50 UThixo woothixo, uYehova,+ uthethile;
Ubiza umhlaba
Ukusuka empumalanga ukuya entshonalanga.
2 UThixo ubengezela ephuma eZiyon, indawo egqwesileyo ngobuhle.+
3 UThixo wethu uza kuza, ibe akazukuhlala ethule.+
Kukho umlilo odlayo phambi kwakhe,+
Ibe ujikelezwe sisivuthu-vuthu sesaqhwithi esikhulu.+
4 Ubiza amazulu nomhlaba,+
Ukuze agwebe abantu bakhe:+
5 “Baqokelele beze kum abo bathembekileyo,
Abo babingelelayo besenza isivumelwano nam.”+
6 Amazulu axela ubulungisa bakhe,
Kuba nguThixo ngokwakhe uMgwebi.+ (Selah)
7 “Khanimamele kaloku bantu bam, ndithethe;
Sirayeli, ndiza kuveza ubungqina ngawe.+
NdinguThixo, uThixo wakho.+
8 Andikululeki ngenxa yemibingelelo yakho,
Ndingakululeki nangale minikelo yakho etshiswa ngokupheleleyo, ihlala iphambi kwam.+
9 Andidingi kuthatha nkunzi yankomo endlini yakho,
Ndingadingi nazibhokhwe zabuhlanti bakho.+
10 Kuba zonke izilwanyana zasendle ezisehlathini zezam,+
Nditsho namarhamncwa akwiintaba eziliwaka.
11 Ndizazi zonke iintaka zasezintabeni;+
Yonke le nqwaba yezilwanyana zasendle yeyam.
12 Ukuba bendilambile, bendingazukutsho kuwe,
Kuba umhlaba ngowam, nento yonke ekuwo yeyam.+
13 Ndimele nditye inyama yeenkunzi zeenkomo na mna,
Ndisele negazi leebhokhwe?+
14 Umbingelelo wakho kuThixo mayibe kukubulela,+
Ibe umele uzifezekise izithembiso zakho kOyena Uphakamileyo;+
15 Ndibize ngemini yobunzima.+
Ndiza kukusindisa, uze wena undizukise.”+
16 Kodwa uThixo uza kuthi kulowo ungalunganga:
“Ngubani othe ungathetha ngemithetho yam+
Nothe ungathetha ngesivumelwano sam?+
17 Kaloku wena awukufuni nokukubona ukuqeqeshwa,
Uhlala uwanikela umva amazwi am.+
18 Xa ubona isela, uyalivuyela,+
Ibe uhlala nabantu abakrexezayo.
19 Uthetha izinto ezimbi ngomlomo wakho,
Inkohliso ithe nca elulwimini lwakho.+
20 Uhleli nje uthetha kakubi ngomntakwenu;+
Udiza iingxaki anazo unyana kamama wakho.
21 Ndathula ndathi tu xa wawusenza ezi zinto,
Wena wawucinga ukuba ndiza kufana nawe.
Kodwa ngoku ndiza kukululeka,
Ibe ndiza kukumangalela.+
22 Khanicinge ngale nto ke nina balibala uThixo,+
Ukuze ndinganidlakazi ningenamsindisi.
23 Ngulowo ubingelela ngokubulela ondizukisayo,+
Yena umntu olandela indlela ebekiweyo,
Ndiza kumenza abone ukuba kunjani ukusindiswa nguThixo.”+