IiNdumiso
Kumalathisi; mayidlalwe ngethi “Sukonakalisa.” EkaDavide. IMiktam.*
58 Ningakwazi na ukuthetha ngobulungisa ngoxa nithule?+
Ningakwazi na ukugweba ngobulungisa, nina bonyana babantu?+
2 Endaweni yoko, niqweba inkohlakalo ezintliziyweni zenu,+
Nenza izinto zobundlobongela ngezandla zenu kweli lizwe.+
5 Alilimameli ilizwi labo bazama ukulenza mbuna,
Nokuba banobuchule kangakanani na ekwenzeni imilingo.
6 Owu Thixo, wakhuphe amazinyo abo emilonyeni yabo!
Owu Yehova, yaphule imihlathi yezi ngonyama!
7 Kwanga bangathi shwaka njengamanzi atshona emseleni.
Kwanga uThixo angagoba isaphetha sakhe aze abawise ngeentolo zakhe.
8 Kwanga bangaba njengenkumba enyibilika de iphele;
Njengosana olufela esibelekweni sikamama walo, lungaze lulibone ilanga.
9 Ngaphambi kokuba iimbiza zakho ziwuve umlilo womnga,
Uza kuwususa, awutshayele ngathi uphetshethwa sisaqhwithi.+
10 Ilungisa liza kukuvuyela ukubona le mpindezelo;+
Iinyawo zalo ziza kugxampuza egazini labenzi-bubi.+
11 Ngoko abantu baza kuthi: “Ngokuqinisekileyo kunomvuzo ukuba lilungisa.+
Kukho uThixo ogwebayo emhlabeni.”+