INtshumayeli
1 Amazwi omhlanganisi,+ unyana kaDavide, ukumkani waseYerusalem.+
4 Kumka esinye isizukulwana, ibe kuseza esinye isizukulwana,
Kodwa umhlaba uhlala ukho ngonaphakade.+
5 Ilanga liyaphuma,* liphinde litshone;
Emva koko likhawuleze libuyele* endaweni yalo, liphinde liphume.+
6 Umoya uya emzantsi, ujikeleze uye emntla;
Uyaqhubeka usenza isangqa; umoya ujikeleza ujikelezile.
7 Yonke imifula* iya elwandle, kodwa ulwandle alugcwali.+
Loo mifula ibuyela kwindawo evela kuyo iphinde iqale phantsi.+
8 Zonke izinto ziyadinisa;
Akukho mntu ukwaziyo nokuthetha ngazo.
Ilihlo alaneli kukubona;
Nendlebe ayigcwali kukuva.
9 Into eyakha yakhona, iza kuphinda ibekho,
Into eyakha yenziwa iza kuphinda yenziwe;
Akukho nto intsha phantsi kwelanga.+
10 Ngaba kukho nantoni na anokuthi umntu ngayo, “Khawujonge le nto, intsha”?
Kudala ikhona;
Yayisele ikho kwangaphambi kwexesha lethu.
11 Akukho mntu ubakhumbulayo abantu bakudala;
Ibe akukho mntu uza kubakhumbula abo bezayo;
Bengazukukhunjulwa kwanangabo beza emva kwabo.+
12 Mna, mhlanganisi, ndibe ngukumkani kaSirayeli eYerusalem.+ 13 Ndazimisela ukusebenzisa ubulumko ukuze ndifunde ndize ndazi+ yonke into eyenziweyo phantsi kwamazulu,+ umsebenzi okruqulayo uThixo awunike oonyana babantu ukuze bahlale bexakekile.
14 Ndayibona yonke imisebenzi eyenziwayo phantsi kwelanga,
Yaye jonga! yonke into yayililize nokuleqana nomoya.+
15 Into egoso ayinakolulwa,
Nento engekhoyo ayinakubalwa.
16 Ndathetha nentliziyo yam, ndathi: “Jonga! Ndiye ndaba nobulumko kakhulu, ngaphezu kwakhe nabani na owayengaphambi kwam eYerusalem,+ ndafumana ubulumko nolwazi oluninzi.”+ 17 Ndazimisela ekwazini ubulumko, ekwazini impambano* nasekwazini ubudenge,+ ibe naleyo into kukuleqana nomoya.