Yeremiya
36 Ngonyaka wesine kaYehoyakim+ unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika ilizwi kuYeremiya livela kuYehova lisithi: 2 “Thatha umsongo,* ubhale onke amazwi endiwathethe kuwe ngoSirayeli nangoYuda+ nangazo zonke iintlanga,+ ukususela ngemini yokuqala endathetha ngayo kuwe ngemihla kaYosiya de kube namhlanje.+ 3 Mhlawumbi xa abendlu kaYuda besiva ngentlekele endicinga ukubazisela yona, baza kujika kwiindlela zabo ezimbi, ukuze ndisixolele isiphoso sabo nesono sabo.”+
4 UYeremiya wabiza uBharuki+ unyana kaNeriya, wamxelela yonke into eyayithethwe nguYehova kuye, waza uBharuki wayibhala kumsongo.*+ 5 Emva koko uYeremiya wayalela uBharuki, esithi: “Ndivalelwe yaye andikwazi kungena endlini kaYehova. 6 Nguwe ke omakangene uze uwafunde ngokuvakalayo amazwi kaYehova endikuxelele ukuba uwabhale kulo msongo. Uze uwafunde besiva abantu endlini kaYehova ngosuku lokuqala lokuzila ukutya; ngaloo ndlela uza kuwafundela bonke abantu bakwaYuda abeza bevela kwizixeko zabo. 7 Mhlawumbi isicelo sabo senceba siza kufika kuYehova, baze bajike, ngamnye ajike kwiindlela zakhe ezimbi, kuba uYehova uthethe ngomsindo nangobushushu obukhulu ngesi sizwana.”
8 Ngoko uBharuki unyana kaNeriya wenza yonke into awayeyiyalelwe ngumprofeti uYeremiya; wafunda amazwi kaYehova ngokuvakalayo kumsongo endlini kaYehova.+
9 Kwathi ke ngonyaka wesihlanu kaYehoyakim+ unyana kaYosiya ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yesithoba, bonke abantu eYerusalem nabo bonke abantu ababesiza eYerusalem bevela kwizixeko zakwaYuda bathi makuzilwe ukutya phambi kukaYehova.+ 10 Emva koko, uBharuki wafunda amazwi kaYeremiya ngokuvakalayo kumsongo* endlini kaYehova, kwigumbi* likaGemariya+ unyana kaShafan+ umkhupheli,* kwiyadi ephezulu, egeyithini entsha yendlu kaYehova,+ bonke abantu besiva.
11 Xa uMikaya unyana kaGemariya, unyana kaShafan, wawevayo amazwi kaYehova akumsongo,* 12 wehla waya endlini kakumkani, kwigumbi likanobhala. Zazihleli apho zonke iinkokheli:* uElishama+ unobhala, uDelaya unyana kaShemaya, uElnatan+ unyana ka-Akebhore,+ uGemariya unyana kaShafan, uZedekiya unyana kaHananiya nazo zonke ezinye iinkokheli. 13 UMikaya wazixelela onke amazwi awayewavile xa uBharuki wayefunda ngokuvakalayo kumsongo* wonke umntu esiva.
14 Emva koko zonke iinkokheli zathumela uYehudi unyana kaNetaniya, unyana kaShelemiya, unyana kaKushi kuBharuki, zisithi: “Yiza nala msongo obuwufundele abantu.” Wawuthatha ke uBharuki unyana kaNeriya umsongo waya kuzo. 15 Zathi kuye: “Khawuhlale phantsi uze uwufunde ngokuvakalayo.” Ngoko uBharuki wazifundela ezi nkokheli.
16 Zathi zakuweva la mazwi, zajongana zisoyika, zathi kuBharuki: “Nakanjani na simele simxelele ukumkani la mazwi.” 17 Zambuza ke uBharuki zisithi: “Khawusixelele indlela owabhale ngayo la mazwi. Ngaba ubhale izinto ebezithethwa nguYeremiya?” 18 UBharuki wathi kuzo: “Uye wathetha la mazwi kum, ndaza mna ndawabhala kulo msongo* ngeinki.” 19 Iinkokheli zathi kuBharuki: “Wena noYeremiya hambani niyokuzimela, nize ningaxeleli mntu ukuba niphi.”+
20 Emva koko zaya kukumkani eyadini, zabeka umsongo kwigumbi likaElishama unobhala, zaxelela ukumkani yonke into eziyivileyo.
21 Ngoko ukumkani wathuma uYehudi+ ukuba ayokuthatha umsongo, waza yena wawuthatha egumbini likaElishama unobhala. UYehudi wawufundela ukumkani nazo zonke iinkokheli ezazimi ngakukumkani. 22 Ukumkani wayehleli endlini yasebusika, ngenyanga yesithoba,* kubaswe imbawula phambi kwakhe. 23 Qho emva kokuba uYehudi efunde imiqolo emithathu okanye emine, ukumkani wayesika loo miqolo ngemela kanobhala aze ayiphose embawuleni, de wonke umsongo waphelela embawuleni. 24 Abazange boyike; yaye ukumkani nazo zonke izicaka zakhe ezaziwamamele la mazwi, abazange bazikrazule iimpahla zabo. 25 Nangona uElnatan,+ uDelaya+ noGemariya+ babemcenga ukumkani ukuba angawutshisi umsongo, akazange abamamele. 26 Wade wayalela noYerameli unyana kakumkani, uSeraya unyana ka-Azriyeli, noShelemiya unyana ka-Abhedeli ukuba bayokubamba uBharuki unobhala nomprofeti uYeremiya. Kodwa uYehova wabagcina befihlakele.+
27 Ilizwi likaYehova laphinda lafika kuYeremiya emva kokuba ukumkani ewutshisile umsongo owawunamazwi abhalwe nguBharuki ewaxelelwa nguYeremiya,+ lisithi: 28 “Thatha omnye umsongo, ubhale kuwo onke amazwi abekumsongo wokuqala, otshiswe nguYehoyakim ukumkani wakwaYuda.+ 29 Uze uthi kuKumkani uYehoyakim wakwaYuda, ‘Uthi uYehova: “Wena utshise lo msongo usithi, ‘Kutheni ubhale kuwo usithi: “Nakanjani ukumkani waseBhabhiloni uza kuza alitshabalalise eli lizwe, kungabikho mntu nasilwanyana kulo”?’+ 30 Ngoko ke uthi uYehova ngoKumkani uYehoyakim wakwaYuda, ‘Akazukuba naye umntu wokuhlala etroneni kaDavide,+ nesidumbu sakhe siza kushiywa elangeni emini naseqabakeni ebusuku.+ 31 Ndiza kumphendulisa yena nenzala* yakhe nezicaka zakhe ngesono sabo, ndizisele bona nabemi baseYerusalem namadoda akwaYuda yonke intlekele endithe ndiza kubazisela yona+ kuba bengazange bamamele.’”’”+
32 UYeremiya wathatha omnye umsongo wawunika uBharuki unyana kaNeriya, unobhala,+ yena wabhala kuwo amazwi awayewaxelelwa nguYeremiya awayekumsongo otshiswe nguKumkani uYehoyakim wakwaYuda.+ Kongezelelwa kuwo amazwi amaninzi anjengawo.