IiNdumiso
Kumalathisi. EkaDavide. Ingoma emnandi.
109 Owu Thixo endimdumisayo,+ sukuhlala uthule.
2 Kuba abo baqhathayo nabenzi-bubi bandivulela umlomo.
5 Ndithi ndibenzela izinto ezintle, suke bona baphindise ngezimbi,+
Ndithi ndibathanda, bona bandicaphukele.+
10 Abantwana* bakhe mababe ngabangqibi abangoosithubeni,
Bekhangelana nokutya kumakhaya abo abhodlokileyo.
12 Makungabikho mntu umenzela bubele,*
Kungabikho namnye obenzela inceba abantwana bakhe abangenatata.
15 UYehova makahlale ezikhumbula izinto abazenzileyo;
Futhi acime kwanto ebenza bakhunjulwe emhlabeni.+
16 Kuba wakulibala ukuba nobubele,*+
Kodwa waqhubeka eleqana nomntu ocinezelweyo,+ olihlwempu, nowaphukelwe yintliziyo
Efuna ukumbulala.+
17 Wayethanda ukuqalekisa, naye ke waqalekiswa;
Wayengafuni nokukubona ukusikelela, naye ke akasikelelwa.
18 Wanxityiswa iziqalekiso okwempahla.
Sagalelwa kuye okwamanzi,
Nasemathanjeni akhe okweoli.
Ndisindise kuba uthando lwakho olungagungqiyo lulungile.+
23 Ndiya ndiphela oku kwethunzi elinyamalalayo;
Ndivuthululwe oku kwentethe.
25 Ndiyinto nje yokuhlekisa kubo.+
Xa bendibona banikina intloko.+
26 Owu yini Yehova Thixo wam, khawundincede;
Ndisindise ngothando lwakho olungagungqiyo.
27 Mabazi ukuba le nto yenziwe sisandla sakho;
Ukuba nguwe Yehova ondisindisileyo.
28 Mabathi beqalekisa, ube wena usikelela,
Xa bendihlasela, bahlazeke,
Kodwa yena umkhonzi wakho makavuye.