Duteronomi
9 “Yivani maSirayeli, namhlanje niwela iYordan+ nisiya kuhlutha ilizwe kwiintlanga ezinkulu nezinamandla kunani,+ niyokohlutha izixeko ezikhulu ezibiyelwe ngeendonga ezirhec’ izulu,+ 2 isizwe sabantu abanamandla nabade, oonyana baka-Anaki,+ enibaziyo nenivileyo kusithiwa ngabo, ‘Ngubani onokumelana noonyana baka-Anaki?’ 3 Ngoko ke nimele nazi namhlanje ukuba uYehova uThixo wenu uza kuwela phambi kwenu.+ Ungumlilo otshabalalisayo+ yaye uza kubatshabalalisa. Uza kuboyisa phambi kwenu ukuze nikhawuleze nibagxothe* kanye njengokuba uYehova enithembisile.+
4 “Xa uYehova uThixo wenu ezigxotha ezi ntlanga phambi kwenu, nize ningathi ezintliziyweni zenu, ‘Kungenxa yokuba ndililungisa le nto uYehova endingenise kweli lizwe ukuba ndilithathe.’+ Kunoko, kungenxa yokwenza kwazo ububi+ le nto uYehova ezigxotha phambi kwenu. 5 Akaniniki eli lizwe ukuba nilithathe ngenxa yokuba ningamalungisa okanye nineentliziyo ezilungileyo. Kunoko kungenxa yokwenza kwazo ububi le nto uYehova uThixo wenu ezigxotha phambi kwenu+ ukuze uYehova afezekise amazwi awawafungela ookhokho benu, uAbraham,+ uIsake+ noYakobi.+ 6 Ngoko ke yazini le nto, ayikokuba ningamalungisa le nto uYehova uThixo wenu eninika eli lizwe lihle ukuba nilithathe, kuba nisisizwana esinenkani.*+
7 “Khumbulani, ningaze niyilibale indlela enamcaphukisa ngayo entlango uYehova uThixo wenu.+ Ukususela ngemini enaphuma ngayo eYiputa nade nazokufika apha, beningamthobeli uYehova.+ 8 Nkqu naseHorebhe namcaphukisa uYehova, wada uYehova wacaphuka kangangokuba wafuna ukunitshabalalisa.+ 9 Xa ndenyuka intaba ndiyokuthatha amacwecwe amatye,+ amacwecwe esivumelwano uYehova awasenza nani,+ ndahlala apho iintsuku eziyi-40 nobusuku bazo,+ ndingatyi kutya yaye ndingaseli manzi. 10 Emva koko uYehova wandinika loo macwecwe mabini amatye ebhalwe ngomnwe wakhe, kwaye kuwo kwakubhalwe onke amazwi awayewathethile uYehova kuni entabeni, esemlilweni mhla ibandla lalihlanganisene ngakuloo ntaba.+ 11 Zathi zakuphela iintsuku eziyi-40 neengokuhlwa eziyi-40, uYehova wandinika amacwecwe amabini amatye, amacwecwe esivumelwano, 12 waza uYehova wathi kum, ‘Yehla ngokukhawuleza, kuba abantu bakho owabakhupha eYiputa benze ububi.+ Bakhawuleze bayishiya indlela endabayalela ukuba bahambe ngayo. Bazenzele umfanekiso wesinyithi.’+ 13 Emva koko uYehova wathi kum: ‘Ndisibonile esi sizwana, ukuba sisizwana esinenkani.*+ 14 Ndiyeke ndisitshayele, ndicime negama laso phantsi kwamazulu, ndize ndenze wena uhlanga olukhulu nolunabantu abaninzi kunaso.’+
15 “Emva koko ndajika ndehla entabeni, ngoxa intaba yayivutha,+ ndiphethe amacwecwe amabini esivumelwano ezandleni zam.+ 16 Ndajonga, ndabona ukuba nimonile uYehova uThixo wenu! Nanizenzele ithole lenkomo lesinyithi. Nakhawuleza naphuma endleleni uYehova awayeniyalele ukuba nihambe ngayo.+ 17 Ngoko ndathatha loo macwecwe mabini ndawalahla phantsi, ndawaphula aziingceba phambi kwenu.+ 18 Ndaqubuda phambi koYehova, njengasekuqaleni, iintsuku eziyi-40 neengokuhlwa eziyi-40. Andityanga kutya, yaye andiselanga manzi,+ ngenxa yazo zonke izono zenu enazenzayo ngokwenza ububi emehlweni kaYehova, nimcaphukisa. 19 Kuba ndandisoyika kakhulu ngenxa yomsindo uYehova awayenawo kuni,+ kuba wayefuna ukunitshabalalisa. Kodwa ke uYehova wandimamela nangelo xesha.+
20 “UYehova waba nomsindo omkhulu kuAron kangangokuba wayefuna ukumtshabalalisa,+ kodwa ngelo xesha ndathetha noThixo ndimcengela. 21 Emva koko ndathatha loo nto eyanibangela naba nesono, ithole,+ ndaza ndalitshisa. Ndalityumza, ndalicola laluthuli emva koko ndaluphosa emanzini omlambo owawuphuma entabeni.+
22 “NaseTabhera,+ eMasa+ naseKibroti-hatava,+ namcaphukisa uYehova waba nomsindo. 23 Xa uYehova wathi hambani eKadeshe-bharneya+ waza wathi, ‘Nyukani nilithathe ilizwe endiqinisekileyo ukuba ndiza kuninika lona!’ nawulwa loo myalelo kaYehova uThixo wenu,+ yaye zange nibe nokholo,+ zange nimthobele. 24 Nanimlwa uYehova ukususela ngemini endanazi ngayo.
25 “Ndaqhubeka ndiqubuda phambi koYehova iintsuku eziyi-40 neengokuhlwa eziyi-40.+ Ndaqubuda kuba uYehova wayesithi uza kunitshabalalisa. 26 Ndaqalisa ukumcenga uYehova ndathi, ‘Yhini Yehova Nkosi enguMongami, sukubatshabalalisa abantu bakho. Bangabantu bakho abakhethekileyo+ owabakhulula ngobukhulu bakho, waza wabakhupha eYiputa ngesandla esomeleleyo.+ 27 Khumbula uAbraham, uIsake noYakobi abakhonzi bakho.+ Sukujonga ukuba nenkani kwesi sizwana, ukwenza kwaso ububi nesono saso.+ 28 Kungenjalo abantu belizwe owasikhupha kulo basenokuthi: “UYehova akakwazanga ukusingenisa kwilizwe awasithembisa sona esi sizwana, yaye kuba esicaphukela, wasikhupha ukuze asibulalele entlango.”+ 29 Ngabantu bakho, abantu bakho wedwa,+ owabakhupha ngamandla akho amakhulu nangengalo yakho eyoluliweyo.’+