IiNdumiso
3 Bulelani kwiNkosi yeenkosi,
Kuba uthando lwayo olungagungqiyo lukho ngonaphakade.
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade,
8 Wenza ilanga ukuze lilawule imini,+
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade,
9 Wenza inyanga neenkwenkwezi ukuze zilawule ubusuku,+
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.
11 Wakhupha amaSirayeli phakathi kwawo,+
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade,
12 Ngesandla esomeleleyo+ nengalo eyoluliweyo,
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.
13 Walwahlukanisa phakathi* uLwandle Olubomvu,+
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.
15 Wavuthululela uFaro nomkhosi wakhe kuLwandle Olubomvu,+
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.
16 Wakhokela abantu bakhe ebadlulisa entlango,+
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.
18 Wabulala ookumkani abanamandla,
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade,
19 USihon+ ukumkani wama-Amori,
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade,
20 No-Ogi+ ukumkani waseBhashan,
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.
21 Ilizwe labo walenza ilifa,+
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade,
22 Ilifa lomkhonzi wakhe uSirayeli,
Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.
26 Bulelani kuThixo wamazulu,