INtshumayeli
5 Chula ukunyathela nanini na usiya endlini yoThixo wokwenene;+ kungcono usondele uze umamele+ kunokuba wenze umnikelo njengezidenge,+ kuba azazi ukuba zenza into embi.
2 Sukukhawuleza uthethe, ungayivumeli nentliziyo yakho ukuba ikhawuleze ithethe phambi koThixo wokwenene,+ kuba uThixo wokwenene usemazulwini kodwa wena usemhlabeni. Yiloo nto kufuneka amazwi akho abe mbalwa.+ 3 Kuba ukuxakeka zizinto* ezininzi kwenza umntu abe namaphupha,+ namazwi amaninzi enza isidenge siloqe.+ 4 Nanini na uthembisa uThixo, sukulibazisa ukuyenza loo nto umthembise yona,+ kuba akabathandi abantu abazizidenge.+ Yenze into oyithembisileyo.+ 5 Kungcono ungenzi sithembiso kunokuba uthembise ungenzi.+ 6 Sukuvumela umlomo wakho ukwenze wone,+ ungatsho naphambi kwengelosi* ukuba uphazamile.+ Kutheni uza kucaphukisa uThixo wokwenene ngento oyithethayo, aze awutshabalalise umsebenzi wezandla zakho?+ 7 Kuba njengokuba ukuxakeka zizinto ezininzi kusenza umntu abe namaphupha,+ namazwi amaninzi akhokelela kwilize. Kodwa yoyika uThixo wokwenene.+
8 Ukuba ubona igosa eliphakamileyo licinezela ihlwempu okanye lisenza ngokungekho mthethweni kwilungisa elikwingingqi yakho, mayingakothusi loo nto,+ kuba lijongiwe ngulowo ungentla kulo, ibe bakhona nabangaphezulu kubo bobabini.
9 Enye into kukuba, ingeniso yomhlaba yohlulelwa wonke umntu; nokutya kukakumkani kuphuma emasimini.+
10 Umntu othanda isilivere akasoze aneliswe yisilivere, nomntu othanda ubutyebi akasoze aneliswe yingeniso.+ Nayo leyo ililize.+
11 Xa ubutyebi busanda, bayanda nabo babusebenzisayo.+ Ibe yintoni ke ayifumanayo umnikazi wabo, ngaphandle kokubujonga nje ngamehlo?+
12 Bumnandi ubuthongo besicaka, nokuba sinokutya okuncinci okanye okuninzi, kodwa ubutyebi besityebi abusilalisi.
13 Ndibone intlungu engathethekiyo* phantsi kwelanga: ubutyebi obufihlwe ngumnikazi wabo buze kwabona bumenzakalise. 14 Ulahlekelwa bobo butyebi kuba wenza izigqibo ezimtshonisayo,* athi esiba nonyana, abe engasenanto.+
15 Kanye njengokuba umntu waphuma ehamba ze esiswini sikamama wakhe, uza kumka enjalo.+ Akanakuhamba nayo nenye kwizinto azisebenzele nzima.+
16 Nantsi enye into eyintlungu engathethekiyo:* Umntu uhamba enjengokuba ebezile; ngoko ke, ufumana yiphi ingenelo ngokuhlala esebenza nzima, esebenzela umoya?+ 17 Futhi yonke imihla utyela ebumnyameni, exhelekile, egula ibe enomsindo.+
18 Nantsi into endiyibone intle futhi ilungile: kukuba umntu atye, asele aze akonwabele konke ukusebenza nzima+ nokubulaleka kwakhe phantsi kwelanga ngemihla embalwa yobomi bakhe ayinikwe nguThixo wokwenene, kuba ngumvuzo wakhe lowo.*+ 19 Enye into, xa uThixo wokwenene enika umntu ubutyebi,+ nendlela yokubonwabela, umele awuthathe umvuzo wakhe,* aze akonwabele ukusebenza kwakhe nzima. Esi sisipho sikaThixo.+ 20 Kuba akazukuqaphela nokuba iintsuku zobomi bakhe ziyaqengqeleka, ngenxa yokuba uThixo wokwenene umgcina exakeke lulonwabo lwentliziyo yakhe.+