IiNdumiso
89 Ndiza kucula ngothando lukaYehova olungagungqiyo ngonaphakade.
Ngomlomo wam ndiza kuxelela zonke izizukulwana ngokuthembeka kwakho.
2 Kuba ndithe: “Uthando olungagungqiyo luza kuhlala ngonaphakade;+
Ibe ukuthembeka kwakho ukuzinzisile emazulwini.”
4 ‘Ndiza kuyizinzisa ngonaphakade inzala*+ yakho,
Ndiza kukwakhela itrone kuzo zonke izizukulwana.’”+ (Selah)
5 Amazulu adumisa izinto ozenzileyo ezimangalisayo Yehova,
Ukuthembeka kwakho ebandleni labangcwele.
6 Kuba ngubani emazulwini onokuthelekiswa noYehova?+
Ngubani onokufana noYehova koonyana bakaThixo?+
Ungqongwe kukuthembeka kwakho.+
10 Uyicole oku komntu obuleweyo+ iRahabhi.+
Uzithe saa iintshaba zakho ngengalo yakho eyomeleleyo.+
14 Itrone yakho isekelwe kubulungisa nokusesikweni;*+
Kumi phambi kwakho uthando olungagungqiyo nokuthembeka.+
15 Bonwabile abantu abakudumisa bevuya.+
Owu Yehova, bahamba ekukhanyeni kobuso bakho.
16 Bavuyiswa ligama lakho imini yonke,
Baphakanyiswa bubulungisa bakho.
19 Ngelo xesha wathetha embonweni nabantu bakho abathembekileyo, wathi:
24 Ndiza kuthembeka kuye ndize ndimthande ngokungagungqiyo,+
Ndiza kumnika amandla* angakumbi, ngenxa yegama lam.
25 Ndiza kusibeka phezu kolwandle isandla sakhe,*
Ndibeke nesandla sakhe sasekunene phezu kwemilambo.+
28 Ndiza kuhlala ndimthanda ngokungagungqiyo ngonaphakade,+
Nesivumelwano sam naye siza kuhlala sihleli.+
30 Ukuba oonyana bakhe bayawulahla umthetho wam
Baze bangahambi ngemiyalelo yam,*
31 Ukuba bayayilahla imimiselo yam
Bengayigcini nemiyalelo yam,
32 Ndiza kubohlwaya ngentonga ngenxa yokungathobeli kwabo+
Nesiphoso sabo ndisohlwaye ngemivumbo.
33 Kodwa andisoze ndiyeke ukumthanda ngokungagungqiyo+
Ndingasoze ndingayenzi into endimthembise yona.*
36 Inzala* yakhe iza kuhlala ikho ngonaphakade;+
Itrone yakhe iza kuhlala ihleli okwelanga phambi kwam.+
37 Iza kuzinza ngonaphakade njengenyanga,
Njengengqina elithembekileyo esibhakabhakeni.” (Selah)
39 Usilahlile isivumelwano sakho nomkhonzi wakho;
Usingcolisile isithsaba sakhe ngokusigibisela phantsi.
40 Uzidilize zonke iindonga zakhe;
Uzidilize zangamanxuwa iinqaba zakhe.
43 Uye walidudulela ngasemva ikrele lakhe,
Awamxhasa nasedabini.
44 Ukucimile ukukhazimla kwakhe
Wayigadlela phantsi netrone yakhe.
45 Uyinqamle imihla yobutsha bakhe;
Umambathise ngehlazo. (Selah)
46 Uza kuzifihla kude kube nini na Yehova? Ngonaphakade?+
Uza kuqhubeka uvutha njengomlilo na umsindo wakho?
47 Khawukhumbule indlela obubufutshane ngayo ubomi bam!+
Wawubadalele ilize na abantu?
48 Ngubani onokuphila angaze afe?+
Angakwazi khona ukuzisindisa kumandla engcwaba?* (Selah)
49 Yaphelela phi na Yehova imisebenzi yakho yothando olungagungqiyo,
Le wafunga ngayo, ngokuthembeka kwakho, kuDavide?+
50 Owu yhini Yehova, ndicela ukhumbule indlela abagezelwa ngayo abakhonzi bakho;
Indlela ekufuneka ndinyamezele* ngayo ukuthukwa zizizwana zonke;
51 Indlela iintshaba zakho ezindigibisele ngayo ngezithuko, yhini Yehova,
Indlela ezimthele chu ngayo ngokusa umthanjiswa wakho, naphi na apho anyathela khona.