IiNdumiso
Eya kumalathisi. EkaDavide. Ingoma emnandi.
139 Owu Yehova, undigocagocile, ibe uyandazi.+
2 Uyazi xa ndihleli phantsi naxa ndiphakama.+
Uzibona ukude iingcinga zam.+
5 Undijikeleze ngasemva nangaphambili;
Ubeka isandla sakho phezu kwam.
6 Indlela ondazi ngayo indimangalisa gqitha.
Ingaphaya kwam.+
8 Ukuba bendinganyuka ndiye ezulwini, ubuza kuba lapho,
Nokuba bendingabeka umandlalo wam engcwabeni,* jonga! ubuza kuba lapho.+
9 Ukuba bendingabhabha ngamaphiko oms’ obomvu
Ndiye kuhlala ngakolona lwandle lukude,
10 Nalapho isandla sakho besiza kundikhokela,
Isandla sakho sasekunene sindibambe.+
11 Nokuba bendingathi: “Ngokuqinisekileyo ubumnyama buza kundifihla!”
Ubusuku bebuza kujika bube kukukhanya.
12 Nobumnyama obo bebungazukuba mnyama kuwe,
Kodwa ubusuku bebuza kukhanya kanye njengasemini;+
Ubumnyama bufana nqwa nokukhanya kuwe.+
14 Ndiyakudumisa kuba ndenziwe ngendlela emangalisayo.+
15 Amathambo am ayengafihlekanga kuwe
Xa ndandisenziwa emfihlekweni,
Xa ndabunjwayo ezinzulwini zomhlaba.+
16 Amehlo akho andibona ndiseyimbumba;
Encwadini yakho, kwabhalwa ngeentsuku ezaziza kubunjwa ngazo
Zonke iinxalenye zam,
Kungekabikho nanye kuzo.
17 Ndizixabisa ngeyona ndlela izinto ozicingayo!+
Owu Thixo, xa zizonke zininzi ngeyona ndlela!+
18 Ukuba ndingazama ukuzibala, zininzi kunesanti.+
Xa ndivuka, ndisekunye nawe.*+
19 Owu Thixo, akwaba ubungababulala abenzi-bubi!+
Abantu abaziindlobongela* bebeza kutsho bemke phambi kwam,
20 Abo bathetha kakubi ngawe ngenkohlakalo;*
Baziintshaba zakho, ibe balisebenzisa kakubi igama lakho.+
23 Ndigocagoce Thixo, uyazi intliziyo yam.+
Ndihlolisise, uzazi izinto endizicingayo ezindenza ixhala.*+