Yeremiya
23 “Baza kuthi shu abalusi abachithachitha nabatshabalalisa iigusha zedlelo lam!” utsho uYehova.+
2 Ngoko ke uthi uYehova uThixo kaSirayeli kubalusi abalusa abantu bam: “Nizichithachithile iigusha zam; niye nazisasaza, anazikhathalela.”+
“Ngoko ke iza kuba ndim nani ngenxa yezenzo zenu ezibi,” utsho uYehova.
3 “Emva koko, ndiza kuqokelela ndawonye iigusha ezishiyekileyo ezikuwo onke amazwe endizisasazele kuwo,+ ndize ndizibuyisele edlelweni lazo,+ ibe ziza kuqhama zande.+ 4 Ndiza kuzibekela abalusi abaza kuzalusa nyhani.+ Kuza kuphela ukoyika, ibe akukho nanye eza kulahleka,” utsho uYehova.
5 “Jonga! Kuza imihla,” utsho uYehova, “endiza kuvelisela ngayo uDavide ihlumelo lobulungisa.*+ Ibe lo kumkani uza kulawula+ aze enze ngobulumko, amele okusesikweni* nobulungisa elizweni.+ 6 Ngemihla yakhe, uYuda uza kusindiswa,+ noSirayeli uza kukhuseleka.+ Yaye uza kubizwa ngegama elithi: UYehova UbuBulungisa Bethu.”+
7 “Kodwa kuza imihla,” utsho uYehova, “abangazukuphinda bathi ngayo, ‘Ephila nje uYehova, owakhupha amaSirayeli kwilizwe laseYiputa!’+ 8 kodwa baza kuthi, ‘Ephila nje uYehova, owakhupha waza wabuyisa inzala yendlu kaSirayeli kwilizwe lasemntla nakuwo onke amazwe endandiyisasazele kuwo,’ ibe iza kuhlala kwilizwe layo.”+
9 Ndithi kubaprofeti:
Intliziyo yam yaphukile ngaphakathi kum.
Onke amathambo am ayangcangcazela.
Ndinjengendoda enxilileyo
Nanjengendoda eyoyiswa yiwayini,
Ngenxa kaYehova nangenxa yamazwi akhe angcwele.
10 Kuba ilizwe ligcwele ngabakrexezi;*+
Ilizwe liye lazila ngenxa yesiqalekiso,+
Namadlelo asentlango omile.+
Benza izinto ezimbi, ibe balisebenzisa kakubi igunya labo.
11 “Umprofeti nombingeleli bangcole* bobabini.+
Benza izinto ezimbi nasendlini yam,”+ utsho uYehova.
Kuba ndiza kubazisela intlekele,
Ngonyaka wokohlwaya,” utsho uYehova.
13 “Ndibone into eyenyanyekayo nakubaprofeti baseSamariya.+
Baprofeta beqhutywa nguBhahali,
Ibe balahlekisa abantu bam amaSirayeli.
14 Nakubaprofeti baseYerusalem ndibone izinto ezimanyumnyezi,
15 Ngoko ke uthi uYehova wemikhosi ngabaprofeti:
“Ndibatyisa umhlonyane,
Ndibaseza namanzi anetyhefu.+
Kuba abaprofeti baseYerusalem basasaze uwexuko elizweni lonke.”
16 Uthi uYehova wemikhosi:
“Sanukuwamamela amazwi abaprofeti abaniprofetelayo.+
Bayaniqhatha.*
Ibe kuye wonke umntu olandela intliziyo yakhe ngenkani bathi,
‘Akukho kwantlekele iza kunifikela.’+
18 Kuba ngubani oye wema neqela labantu abasondeleyo kuYehova
Ukuze abone aze eve ilizwi lakhe?
Ngubani oye walimamelisisa ilizwi lakhe ukuze alive?
19 Jonga! Isaqhwithi sikaYehova siza kuvuthuza ngomsindo;
Njengesivuthuvuthu siza kuvuthuza kwintloko yabenzi-bubi.+
20 Awuzukujika umsindo kaYehova
De ayenze ayigqibe yonke into intliziyo yakhe ezimisele ukuyenza.
Ekupheleni kwemihla, uza kuyiqonda kakuhle yonke le nto.
21 Andizange ndibathume abaprofeti, kodwa babaleka.
Andizange ndithethe nabo, kodwa baprofeta.+
22 Ukuba babemi neqela labantu abasondeleyo kum,
Babeza kwenza abantu bam bamamele amazwi am,
Bajike endleleni yabo embi nakwizenzo zabo ezibi.”+
23 “Ngaba ndinguThixo okufutshane kuphela,” utsho uYehova, “andinguye noThixo okude na?”
24 “Ukhona na umntu onokuzimela kwindawo efihlakeleyo ndingamboni?”+ utsho uYehova.
“Ngaba ikho into endingenakuyibona emazulwini nasemhlabeni?”+ utsho uYehova.
25 “Ndibavile abaprofeti abaprofeta ubuxoki egameni lam, besithi, ‘Ndiphuphile! Ndiphuphile!’+ 26 Kuza kude kube nini le nto iqhubeka entliziyweni yabaprofeti abaprofeta ubuxoki? Bangabaprofeti benkohliso yentliziyo yabo.+ 27 Bafuna ukwenza abantu bam balilibale igama lam ngamaphupha abaxelelana ngawo, njengokuba ootata babo balilibalayo igama lam ngenxa kaBhahali.+ 28 Umprofeti onephupha makalibalise, kodwa onelizwi lam makalithethe linjalo.”
“Ngaba ikho into olufana ngayo udiza nokhozo?” utsho uYehova.
29 “Ngaba ilizwi lam alikho njengomlilo+ nanjengehamile eqhekeza iliwa?”+ utsho uYehova.
30 “Ndiza kubohlwaya abaprofeti ababelana ngamazwi am,” utsho uYehova.+
31 “Ndiza kubohlwaya abaprofeti,” utsho uYehova, “abathi ngolwimi lwabo, ‘Utsho!’”+
32 “Ndiza kubohlwaya abaprofeti bamaphupha obuxoki,” utsho uYehova, “abawabalisayo baze bakhuphe abantu bam endleleni ngobuxoki nangokuqhayisa kwabo.”+
“Kodwa mna andibathumanga, ndingabayalelanga. Ngoko abazukusinceda kwaphela esi sizwana,”+ utsho uYehova.
33 “Yaye xa esi sizwana okanye umprofeti okanye umbingeleli ekubuza esithi, ‘Uyintoni na umthwalo* kaYehova?’ uze uthi kubo, ‘“Nini kanye umthwalo! Kwaye ndiza kunothula,”+ utsho uYehova.’ 34 Ke yena umprofeti okanye umbingeleli okanye abantu abathi, ‘Lo ngumthwalo* kaYehova!’ ndiza kumohlwaya loo mntu kunye nendlu yakhe. 35 Ngamnye wenu umana esithi kumhlobo wakhe nakumntakwabo, ‘Uphendule wathini uYehova? Ibe uye wathini uYehova?’ 36 Kodwa animele niphinde nithethe ngomthwalo* kaYehova, kuba umthwalo* lilizwi lakhe ngamnye wenu, yaye niwatshintshile amazwi kaThixo ophilayo, uYehova wemikhosi, uThixo wethu.
37 “Uza kuthi kumprofeti, ‘Ukuphendule wathini uYehova? Uye wathini uYehova? 38 Kodwa ukuba niqhubeka nisithi, “Ngumthwalo* kaYehova!” uthi uYehova: “Ngenxa yokuba niye nathi, ‘Eli lizwi lingumthwalo* kaYehova,’ ndakugqiba ukuthi kuni, ‘Sanukuthi: “Ngumthwalo* kaYehova!”’ 39 jongani! Ndiza kuniphakamisa ndize ndinilahlele kude nam, nina nesixeko endasinika nina nookhokho benu. 40 Kwaye ndiza kunitsho ngehlazo likanaphakade nokuthotywa okungunaphakade, okungenakuze kulityalwe.”’”+