KumaHebhere
2 Yiloo nto kufuneka sicingisise kakhulu kunesiqhelo ngezinto esizivileyo,+ ukuze singaze sikhukuliseke.+ 2 Kuba ukuba ilizwi elathethwa ngeengelosi+ lema kangangokuba abantu abenza izono nabangazange balithobele bafumana isohlwayo sobulungisa,*+ 3 singasinda njani ke thina, ukuba siye asalukhathalela usindiso olukhulu kangaka?+ Kaloku yiNkosi yethu eyaqala ukuthetha ngalo+ baza bayingqina loo nto nabo bayivayo, 4 noThixo wayingqina ngokwenza imimangaliso nemisebenzi emikhulu+ nangomoya oyingcwele awawunika abakhonzi abahlukahlukeneyo ngendlela athande ngayo.+
5 Kuba ihlabathi* elizayo esithetha ngalo, akalinikanga iingelosi ukuba zililawule.+ 6 Kodwa kwenye indawo, elinye ingqina lathi: “Uyintoni na umntu le nto umkhumbulayo, okanye unyana womntu le nto umkhathalelayo?+ 7 Umenze wangaphantsi kancinci kwiingelosi; wamthwesa uzuko nembeko, waza wamphathisa imisebenzi yezandla zakho. 8 Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe.”+ Xa uThixo wabeka zonke izinto phantsi kwakhe,+ waqinisekisa ukuba akukho nto ingekho phantsi kwakhe.+ Kodwa ke okwangoku asikaziboni zonke izinto zibekwe phantsi kwakhe.+ 9 Kodwa ke siyambona uYesu, owayenziwe wangaphantsi kancinci kwiingelosi,+ ethweswe uzuko nembeko ngenxa yokuba weva intlungu yokufa,+ ukuze angcamle ukufa ngenxa yabo bonke abantu kuba uThixo enobubele.*+
10 Kuba kwakufanelekile ngoThixo ezibekho ngenxa yakhe zonke izinto nezibekho ngaye, obanika uzuko oonyana abaninzi,+ ukwenza uMmeli Oyintloko wosindiso lwabo+ agqibelele ngokuva ubunzima.+ 11 Kuba lowo ungcwalisayo nabo bangcwaliswayo,+ bonke baphuma kumntu omnye,+ yaye ngenxa yesi sizathu akanazintloni ukubabiza ngokuthi ngabantakwabo,+ 12 njengokuba esithi: “Ndiza kubaxelela abantakwethu ngegama lakho; ndiza kukudumisa ngengoma ebandleni.”+ 13 Kwakhona uthi: “Ndiza kuthembela ngaye.”+ Uphinda athi: “Jongani! Mna nabantwana endibanikwe nguYehova.”*+
14 Ngoko ke, ekubeni “abantwana” benegazi nenyama, naye waba negazi nenyama,+ ukuze ngenxa yokufa kwakhe, amtshabalalise lowo ukwaziyo ukubangela ukufa,+ uMtyholi;+ 15 aze abakhulule bonke abo bebengamakhoboka okoyika ukufa ubomi babo bonke.+ 16 Kuba akancedi zingelosi, kodwa unceda inzala* ka-Abraham.+ 17 Ngenxa yaloo nto kwafuneka afane “nabazalwana” bakhe ngayo yonke into,+ ukuze akwazi ukuba ngumbingeleli omkhulu onenceba nothembekileyo kwizinto zikaThixo, ukuze anikele umbingelelo+ wokuhlawulela izono zabantu.+ 18 Ekubeni weva ubunzima xa wayevavanywa,+ uyakwazi ukubanceda abo bavavanywayo.+