IiNdumiso
Kumalathisi. Eyoonyana bakaKora.+ IMaskili.*
44 Owu Thixo, sivile ngeendlebe zethu,
Basibalisele ookhokho bethu+
Izinto owazenza ngemihla yabo,
Ngemihla yakudala.
Wazikroboza iintlanga waza wazigxotha.+
5 Siza kuzigxotha ngamandla akho iintshaba zethu;+
Siza kubanyathela egameni lakho abo basihlaselayo.+
8 Siza kumdumisa imini yonke uThixo,
Ibe siza kulibulela ngonaphakade igama lakho. (Selah)
9 Kodwa ngoku usilahlile waza wasihlazisa,
Futhi awuphumi nemikhosi yethu.
13 Usenza intlekisa kubamelwane bethu,
Into yokugxekwa nokugezelwa ngabo basingqongileyo.
15 Ndiziva ndihlazekile imini yonke,
Iintloni zindongamele,
16 Ngenxa yokuva ilizwi labo basinxwalayo, besithuka,
Ngenxa yotshaba lwethu oluziphindezelayo.
18 Intliziyo yethu ayibhadulanga,
Singakhange siyishiye nendlela yakho.
19 Kodwa wena usityumzele kwindawo yoodyakalashe,
Wasogquma ngethunzi elimnyama thsu.
20 Ukuba sililibele igama likaThixo wethu
Okanye solulela izandla zethu komnye uthixo,
21 Akazukuyibhaqa na uThixo loo nto?
Kaloku uyazazi iimfihlelo ezisentliziyweni.+
23 Khawuvuke, yhini Yehova, uleleleni?+
Phakama! Sukusilahla umphelo.+
24 Kutheni ubufihlile nje ubuso bakho?
Kutheni uyilibala indlela esisentlungwini nesicinezelwe ngayo?