Hezekile
6 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 2 “Nyana womntu, jonga ngasezintabeni zakwaSirayeli uze uprofete kuzo. 3 Uze uthi, ‘Owu zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi enguMongami uYehova: Ithi iNkosi enguMongami uYehova kwiintaba, iinduli, imisinga neentlambo: “Jongani! Ndiza kunizisela ikrele, yaye ndiza kuzitshabalalisa iindawo zenu eziphakamileyo. 4 Izibingelelo zenu ziza kudilizwa, iindawo zokubeka isiqhumiso esiqholiweyo senu ziza kwaphulwa,+ yaye abo baxatyelweyo kuni ndiza kubaphosa phambi kwezithixo zenu ezenyanyekayo.*+ 5 Izidumbu zabantu bakwaSirayeli ndiza kuziphosa phambi kwezithixo zabo ezenyanyekayo, ndize ndiwathi saa amathambo enu macala onke ezibingelelo zenu.+ 6 Kuzo zonke iindawo enihlala kuzo, izixeko ziza kutshatyalaliswa,+ neendawo eziphakamileyo ziza kudilizwa zize ziphanziswe.+ Izibingelelo zenu ziza kuchithwa, zidilizwe. Izithixo zenu ezenyanyekayo ziza kutshabalala, iindawo zokubeka isiqhumiso senu ziza kwaphulwa, icinywe nemisebenzi yenu. 7 Nabo baxatyelweyo baza kuwa phakathi kwenu,+ nazi ukuba ndinguYehova.+
8 “‘“Kodwa ndiza kushiya abambalwa, kuba abanye benu baza kusinda ekreleni babe yintsalela phakathi kweentlanga, xa nithe saa emazweni.+ 9 Abo basindileyo baza kundikhumbula bephakathi kweentlanga abaya kube bethinjelwe kuzo.+ Baza kuqonda ukuba yaba buhlungu intliziyo yam ngenxa yentliziyo yabo engathembekanga eyandilahlayo,+ namehlo abo akhanuka izithixo ezenyanyekayo.+ Baza kuba neentloni baze bazicaphukele zonke izinto ezimbi nezenyanyekayo abazenzileyo.+ 10 Baza kwazi ukuba ndinguYehova, ibe bendingaxoki xa bendisithi ndiza kubazisela le ntlekele.”’+
11 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova, ‘Qhwaba izandla ungqishe ngonyawo uze uncwine ngenxa yazo zonke izinto ezimbi nezenyanyekayo ezenziwe yindlu kaSirayeli, kuba baza kuwa ngekrele, ngendlala nangesifo esingubhubhani.+ 12 Okude uza kufa ngesifo esingubhubhani, okufutshane uza kuwa ngekrele, ibe nabani na osindayo kwezi uza kubulawa yindlala; ndiza kuwukhuphela kubo umsindo wam.+ 13 Niza kutsho nazi ukuba ndinguYehova,+ xa abaxatyelweyo bethe tywaa phakathi kwezithixo zabo ezenyanyekayo, macala onke ezibingelelo zabo,+ phezu kwazo zonke iinduli eziphakamileyo, kuzo zonke iincopho zeentaba, phantsi kwayo yonke imithi enabileyo, naphantsi kwamasebe emithi emikhulu, apho benze khona iminikelo enevumba elimnandi kwizithixo zabo zonke ezenyanyekayo.+ 14 Ndiza kusolulela kubo isandla sam, ndize ndilenze lingabi namntu ilizwe, yaye zonke iindawo abahlala kuzo ziza kuphanza ngaphezu kwentlango yaseDibhela. Baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova.’”