Nehemiya
6 Wathi uSanebhalati, uTobhiya,+ uGeshem umArabhiya+ nezinye iintshaba zethu bakuxelelwa ukuba ndilwakhe ndalugqiba udonga+ nokuba ndizivale zonke izikhewu (nangona ngelo xesha ndandingekazifaki iigeyithi),+ 2 ngoko nangoko uSanebhalati noGeshem bandithumelela umyalezo, besithi: “Masibeke ixesha size sidibane kwenye yeedolophana ezikwiNtlambo YaseOno.”+ Kodwa babesenza iqhinga lokundenzakalisa. 3 Ngoko ndathumela kubo abathunywa, ndisithi: “Ndinomsebenzi omninzi, andizukukwazi ukuya apho. Ndingathini ukuyeka umsebenzi ndize kuni?” 4 Bandithumelela lo myalezo mnye kwade kwakane; nam ke ndandibanika impendulo enye.
5 Emva koko uSanebhalati wandithumelela kwalo myalezo mnye ngesicaka sakhe okwesihlanu, siphethe neleta engavalwanga. 6 Le leta yayisithi: “Kuvakala le nto ezintlangeni, ibe ingqinwa nanguGeshem,+ ukuba wena namaYuda niceba ukuvukela.+ Yiyo loo nto nisakha udonga; kuvakala nokuba wena uza kuba ngukumkani wawo. 7 Kuthiwa wena umisele nabaprofeti ukuba bakhwaze eYerusalem, bathi, ‘Kukho ukumkani kwaYuda!’ Ziza kufika kukumkani ezi zinto. Yiza ke, sithethe.”
8 Kodwa ndathumela umyalezo othi: “Ayikho yonke le nto uyithethayo; uwakhe entloko* la mabali.” 9 Bonke babezama ukusoyikisa, besithi: “Baza kutyhafa bayeke ukusebenza.”+ Ngoko ndiyakucela Thixo, ndinike isibindi.+
10 Emva koko, ndaya kuShemaya unyana kaDelaya unyana kaMehetabheli owayezivalele endlini yakhe. Wathi kum: “Masibeke ixesha lokudibana endlini yoThixo wokwenene, ngaphakathi etempileni, emva koko sivale iingcango, kuba baza kukubulala. Baza kukufikela ngobusuku bakubulale.” 11 Kodwa ndathi: “Ingabaleka njani indoda enjengam? Khona, ndingangena njani etempileni ndize ndingabulawa?+ Andizukuya apho!” 12 Ndatsho ndaqonda ukuba akathunywanga nguThixo, kodwa wayethengwe nguTobhiya noSanebhalati+ ukuba aprofete obu buxoki ngam. 13 Wayethengelwe ukuba andoyikise ndize ndone, ukuze bafumane isizathu sokungcolisa igama lam baze bandigezele.
14 Owu Thixo wam, uze uyikhumbule into eyenziwe nguTobhiya+ noSanebhalati, neyenziwe nguNowadiya umprofetikazi nabo bonke abanye abaprofeti ababehlala bezama ukundoyikisa.
15 Ngoko udonga lwagqitywa ngomhla we-25 kwinyanga kaEluli,* ngeentsuku eziyi-52.
16 Zathi zakuyibona le nto iintshaba zethu nazo zonke iintlanga ezikufutshane nathi, zahlazeka kakhulu,+ zaqonda ukuba sincedwe nguThixo ukuze senze lo msebenzi. 17 Ngaloo mihla izikhulu+ zakwaYuda zazithumela iileta ezininzi kuTobhiya, naye eziphendula. 18 AmaYuda amaninzi ayefungile ukuba aza kuba ngakuye, kuba wayengumkhwenyana kaShekaniya unyana ka-Arahi,+ nonyana wakhe uYehohanan etshate intombi kaMeshulam+ unyana kaBherekiya. 19 La maYuda ayehlala endixelela izinto ezintle ngaye aze aye kumxelela ukuba ndiye ndathini. Ngoko ke uTobhiya wayethumela iileta ezama ukundoyikisa.+