Obhadiya
Ithi iNkosi enguMongami uYehova ngoEdom:+
“Sive ingxelo evela kuYehova,
Kuthunyelwe umthunywa ezintlangeni ukuba athi:
‘Phakamani, masilungele ukulwa naye.’”+
3 Ukukhukhumala kwentliziyo yakho kukuqhathile,+
Wena uhlala kwiindawo zokuzimela ezingamawa,
Uhlala kwindawo ephakamileyo, usithi entliziyweni yakho,
‘Ngubani oza kundihlisela emhlabeni?’
4 Nokuba indawo yakho yokuhlala ungayenza iphakame njengeyokhozi,*
Okanye indlwane yakho ungayibeka phakathi kweenkwenkwezi,
Ndingakwehlisa apho,” utsho uYehova.
5 “Ukuba bekufike amasela kuwe, ootsotsi befike ngobusuku,
Ngaba bebengazukuthatha kuphela izinto abazifunayo?
Okanye ukuba bekufike abavuni beediliya kuwe,
6 Ugqogqwe ngeyona ndlela uEsawu!
Buye bafunwa ubutyebi bakhe obufihliweyo!
7 Bakutshovele emdeni.
Bonke abebengakuwe bakuqhathile.*
Amadoda aseluxolweni nawe akoyisile.
Abo batya isonka nawe baza kubeka umnatha ngaphantsi kwakho,
Kodwa wena awuzukuyibona loo nto.
8 Ngaloo mini,” utsho uYehova,
“Andizukuzitshabalalisa na izilumko kwaEdom+
Nokuqonda kwiindawo ezisezintabeni zakwaEsawu?
9 Yaye amagorha akho aza koyika,+ Owu Teman,+
Ngenxa yokuba ngamnye okummandla weentaba wakwaEsawu uza kutshatyalaliswa.+
10 Ngenxa yokuhlaselwa komntakwenu uYakobi,+
Uza kuhlazeka gqitha,+
Ibe uza kutshabalala ngonaphakade.+
11 Mhla wena wamela kude,
Mhla abasemzini babethimba umkhosi wakhe,+
Xa abasemzini bangena egeyithini yakhe baza benza amaqashiso+ ngeYerusalem,
Nawe wenza njengabo.
12 Uhleka njani ngemini yokuba nelishwa komntakwenu?+
Uvuya njani ngemini yokutshabalala kwabantu bakwaYuda?+
Kwaye kutheni uthetha kakubi ngolu hlobo ngemini yokuba sentlungwini kwabo?
13 Ungena njani egeyithini yabantu bam ngemini yentlekele yabo?+
Uyihleka njani intlungu yomntakwenu ngemini yentlekele yakhe?
Yaye kutheni ubeka izandla zakho kubutyebi bakhe ngemini yentlekele yakhe?+
14 Kutheni usima apho iindlela zidibana khona ukuze uxabele ababalekileyo bakhe?+
Yaye ubasa njani kwiintshaba zabo abasindileyo bakhe ngemini yentlungu?+
15 Kuba imini kaYehova yokulwa nazo zonke iintlanga ikufutshane.+
Ngendlela owenze ngayo, kuza kwenziwa ngayo nakuwe.+
Indlela oye wabaphatha ngayo abanye iza kubuyela phezu kwentloko yakho.
16 Kuba ngendlela nina enithe nasela ngayo entabeni yam engcwele,
Ziza kuhlala zisela kwangayo zonke iintlanga.+
Ziza kuyisela ziyigongqoze indebe yomsindo kaThixo,
Zibe ngathi zange zabakho.
17 Kodwa kwiNtaba YeZiyon kuza kubakho ababalekileyo,+
Yaye iza kuba ngcwele;+
Kwaye indlu kaYakobi iza kuzithathela kuyo izinto zayo.+
18 Indlu kaYakobi iza kuba ngumlilo,
Indlu kaYosefu ibe lidangatye,
Ize indlu kaEsawu ibe njengeendiza.
Ziza kuyitshisa iphele,
Akuzukubakho usindayo endlini kaEsawu,+
Kuba uYehova uthethile.
Ziza kuwuthathela kuzo umhlaba wakwaEfrayim nomhlaba waseSamariya,+
Yaye uBhenjamin uza kuthathela kuye iGiliyadi.
20 Ilizwe lamaKanan ukuya kutsho eTsarefathi,+ liza kuba lelabathinjwa bale nqaba,+
Abantu bakwaSirayeli.
Abantu baseYerusalem abaselubhacweni, ababeseSefaradi, baza kuzithatha izixeko zeNegebhi.+